ISEBE LEZEMFUNDO LEMPUMA KOLONI LILAMKELE NGEZANDLA EZISHUSHU IGQIZA LASEJAMANI!
MTHATHA- Isebe lezemfundo eMpuma Koloni lilamkele ngokufudumeleyo igqiza laseJamani njengenxalenye yenkqubo yontshintsho ngomhla we-25 kweyeSilimela, kwisikolo iSt Johns eMthatha.
Abafundi abane besikolo iSt Johns nabafundisi ntsapho ababini baza kutyelela isikolo iNelson Mandela(NM) eJamani ekutsheni kwalonyaka, najengoko seyenze njalo iJamani.
Oku kuza emveni kotyelelo ngonyaka ka-2023 ngabafundisi ntsapho abane besikolo iNelson Mandela, saseJamani.Omnye wabafundi ofunda eSt. John’s nozokuwela ulwandle lugcwele asingise eJamani uSiyahluma Lamla(16), ungqinile ukuba uzokubangowokuqala ukuwela ulwandle kowabo.
USiyahluma unqwalile ukuba umzabalazo wobulungisa boluntu uyaqhubeka(Aluta continua) nto leyo enokuchukumisa amasebe amaninzi.
“Ininzi intswela bulungisa esaqhubekayo eMpuma Koloni kwaye kusafuneka sizamile ukujongana neembono ezintsha zolutsha olusakhulayo noluzayo,” utshilo uSiyahluma.
Umlawuli wesebe lezemfundo kwisithili sase O.R Tambo embindini uMfundiswa Makrwede ugxininise ngelithi bachulumancile ngobuqabane kwaye iJamani yenye yamazwe abanokwazi ukuba bafunde kuyo kwaye bathabathe oko kunobafanela njengoMzantsi Afrika.
“Kwaye eli lithuba lokuba ootitshala bethu bafunde ukuziphuhlisa buqu, uphuhliso lwezakhono, iingququlelo ezintsha kwakunye nothethathethwano olubanzi phakathi kwabafundi besikolo iNelson Mandela eJemani kwakunye naseSt Johns,” utshilo.
Utitshala waseJamani ofundisa ezopolitiko nezembali uPaul Curtis ethetha nonondaba eMthatha, uthe lenkqubo ye’Aluta continua’ ijongise kwingcamango yobulungisa kunye nentswela-bulungisa.
Oka Curtis wongeze ngelithi eyona nto ibaluleke kakhulu kweli nqanaba kukuba kufuneka belikhulisile olu bambiswano kunye neSt Johns kwaye bafuna ukuqinisekisa ukuba luzinzile kwikamva elizayo.
“Asifuni oku kubeyinkqubo yotshintshelwano ehlala okwethutyana sifuna ibeyinkqubo ebusisihlobo sezinyo kunye nesikolo iSt. John’s,” Curtis.
“Ndichulumancile kakhulu ukuba lapha kwaye ndive izinto ezintle ezimbalwa ngabantu baseMthatha kootishala bethu nokuba ba zizithethi ezibalaseleyo,” utshilo uMax Dimke ongumfundi waseJamani, kwisikolo iNelson Mandela.
Ugqibezele ngelithi uyavuya kakhulu ngoba uzakufunda indlelayokuthetha esidlangalaleni njengoko ibubuthakathathaka bengqondo yakhe kwaye wonwabile kakhulu ezakwazi inkcubeko evela apha kwaye uchulumancile ukwenza ifilimu abayicwangcisayo umzabalazo wobulungisa uyaqhubeka(Aluta continua).
Eligqiza laseJamani lizakuchitha iintsuku ezilishumi ephondweni.
Elam Zintle Tsita
26 EyeSilimela 2024