Iindaba

IJAJI IKULUNGELE UKUTHATHA IKHUBA INGENE EGADINI

EMONTI- Emveni kwempumelelo kwenkqubo yokwenyula iJaji, umbutho wokhetshe(HAWKS) wamkele iJaji entsha yelicandelo.

UJaji Malesela Francis Legodi waziswe ngokusesikweni njengentloko yeJaji kumbutho wokhetshe ephondweni, ngomhla we-27 kule imiyo eMonti.

Ngokuhambelana nomthetho wenkonzo yesipolisa yoMzantsi Afrika(SAPS), uJaji Legodi waziswa njenge ntloko yejaji kwiphondo leMpuma Koloni kwelicandelo.

INtloko yeJaji kumbutho wokhetshe kuzwelonke uLt. Njengelele uGodfrey Lebeya uvakalise uchulumanco lwakhe kukwaziswa kukaJaji Francis Legodi, “Ndichulumancile kuba uJaji Legodi echongwe kwaye waziswa kumalungu ethu”.

ULebeya ugxininisile ukuba kwelicandelo kuyafuneka zivalwe izikhewu ezithile nanjengoko amalungu wabo engaphelelanga.

“Ukuqashwa kuka Legodi kulombutho kuphawula utshintsho kwidabi eliqhubekayo lombutho lokulwa nolwaphulo-mthetho kwaye kulindeleke ukuba lizise amandla kunye nokusebenza okuhlaziyiweyo,” Njengelele Godfrey.

UJaji Legodi ukhuthaze amalungu walombutho ukuba afake izikhalazo xawejamelene nemiceli-mngeni kunye nemiqobo kumsebenzi wabo, ngexesha beqhuba nophando.

Ibambela-lentloko kumbutho wokhetshe ephondweni uBrigadiya Fernando Luis, unqwalile ukuba bayayamamkela uJaji Legodi.

“Umbutho wokhetshe ephondweni noko ukuzokuthi ga ngoku unenkqubela phambili entle kunye nempumelelo,” edakanca isimo salombutho sika 2023/24 ungqinile uBrigadiya Luis.

Ukongeza uBrigadiya uthe, “Apha ephondweni sijamelene nemiceli-mngeni yokuphangwa kwezithuthi ezihambisa imali, ingakumbi kula mmandla waseAlfred Nzo nase OR Tambo.Kodwa ndingangqina ukuba sinawo amacandelo akhethekileyo eBizana naseMthatha ukuze kuliwe nale miba”.

Ukuchongwa kweJaji kunika amalungu iqonga lokuvakalisa inkxalabo zabo kunye nokuqinisekisa ukuba ubulungisa buphunyezwa ngaphandle koloyiko okanye umkhethe.

Vuyolwethu Gotye

28 EyeSilimela 2024