Ezasekuhlaleni

WAMENZA, WAMZALA, WAMLAHLA!

NGQELENI- Bashiyeke bebambe ongezantsi abahlali baseBucula kwidolophu yaseNgqeleni kwawadi 25 emveni kweshwangusha nesihelegu sokulahlwa kwemveku ephilayo emveni koko yaxhonywa emthini.

Le mveku icholwe iqhaqhazela yingqele. Unina uyizale nje le mveku emveni koko wayishiya eyixhome emthini.

Ityiwe yingqele, yabethwa nangamaqhwa wasebusika.Imveku le ibinazo neengongoma, izivubeko kubonakala ukuba iye yabetheka kanobom kulomthi ibixhonywe kuwo, okanye iye yawa phantsi ngelixesha ixhonywa.

OnguCeba waseBucula uYolwa uye wenza iinzame, imigudu, namatile-tile wokuqinisekisa ukuba imveku le ileqiswa kwiziko lezeMpilo elikufutshane.

Okwangoku kusaqhutywa uphando ngesisiganeko kwaye umthetho uzakuyidlala indima efanelekiyo ukuze lowo wenze obububi ajongane nengalo yomthetho.

Mzukisi Mangwane

01 EyeKhala 2024