ABADLALI BEBHOLA YOMNYAZI BAZONTINGELA E-DUBAI
EMONTI-Umfundi webanga leshumi ofunda kwiSikolo samabanga aphakamileyo iJoe Slovo, uAsive Ntsendwana ophuma kwidolophu yaseMolteno uzenzele igama emva kokuchongwa ukuba abe yinxalenye yeqela lebhola yomnyazi loMzantsi Afrika(U/17&18).
U-Asive wonyulwe emva kokubonisa izakhono zakhe kwiintshatsheli zendebe yeTelkom ebezibanjelwe eWaterkloofkwisikolo samabanga aphakamileyo ePitoli ekuqaleni kweveki ephelileyo.
Utsale umdla wabakhethi ngomsebenzi wakhe obalaseleyo njengomdlali wasemva wokukora kunye nomgcini wokukora, izakhono zakhe ezibalaseleyo zimenze wafumana inkxaso-mali yeqela lokuqhuba izifundo kwiDyunivesithi yaseFreyistata kulo nyaka uzayo, iwonga elimfaneleyo ngetalente nokuzinikela kwakhe.
Ngaphaya koko, uAsive wamkelwe lisebe lezemfundo laseMpuma Koloni kunye noogxa bakhe kwisikhululo seenqwelomoya iKing Phalo eMonti emva kwemini ngoLwesihlanu, umhla we-28 kweyeSilimela.
“Ndiyayithanda ngenene ibhola yomnyazi iyandikhuthaza kwaye ikwayindawo apho ndilibala khona ingxaki zam, ikwanceda ukuba singasebenzisi iziyobisi kwaye ukuphumelela kubutshintshe kakhulu ubomi bam ngenxa yemeko yasekhaya nendawo endihlala kuyo,”utshilo uAsive.
“Siyidolophu encinci yaseMolteno siyazingca kwaye siyakuvuyela ukuba sivelise umntwana osuka kwindawo ehlelelekileyo ebumnyameni kodwa siphumelele nangona singenandawo yokudlala esikolweni sethu,” uthethe watsho uNombulelo Duka umqeqeshi kaAsive.
ULuchwayito Tshandu (17), okwangomnye wabafundi abachongiweyo ku-U17/18 kwiqela lesizwe lebhola yomnyazi ukhuthaza amanye amantombazana ukuba aze kudlala ibhola yomnyazi nokuba ababaselanga kuyo kodwa iza kukhupha eyona nto ibaseleyo kubo.
“Ibhola yomnyazi ayingomdlalo nje wokudlalela ukuphumelela nokuphulukana kodwa ikwayindlela yokwenza abahlobo,” utshilo.
“Sendijonge kumhlalaphantsi kodwa xa ndithatha umhlala phantsi ndifuna ukubona iMpuma Koloni kwibhola yomnyazi njengelinye lamaqela aphumeleleyo kuzwelonke kwaye inabadlali bamazwe ngamazwe ngaphezulu kunangoku,” utshilo uSifikile Zawana ochongwe njengonompempe kwitumente yebhola yomnyazi yamazwe ngamazwe yaseDubai.
UMlawuli wokhuseleko lwezempilo ezikolweni kunye nokutyetyiswa kwabafundi kwisebe lezemfundo eMpuma Koloni uPamGgxuluwe, ubongoza abazali ukuba bazame ukuxhasa abantwana babo kwaye baqinisekise ukuba yonke imiceli mngeni abajongene nayo ayibathezi amandla ekungayingeni inkxaxheba kwibhola yomnyazi.
“Ndingathanda ukuthi koosomashishini okanye nabani-na ndicela sibambisane asinako okwaneleyo kodwa abantwana bethu bafuna ngaphezulu, sisebenza ngezixhobo ezincinci kodwa imfuno zingaphezulu,”wongeze watsho edomboza ecela amalizo uGxuluwe ukuze kuxhaswe abantwana.
Aba bafundi baya kuba yinxalenye yoMzantsi Afrika odlalela eDubai ekupheleni konyaka.
Elam Zintle Tsita
02 EyeKhala 2024