ABASEBENZI BEBHANKI BAKHUTHUZE ISIGIDI SE-RANDI
GQEBERHA- Inkundla yamatyala yorhwebo yaseGqeberha igwebe uFlorika Shenay Owusu (31) kunye noAbongile Tyusha (30), ngokubandakanyeka kwabo kubuqhophololo ngethuba beqeshwe kwibhanki yakwaABSA.
Esisibini nesasiqashwe kwaABSA sifunyenwe sinamatyala; ityala lobuqhophololo, ubusela, kunye nokwehlisa imali ngomlenze.
Ngokwengxelo etyekezwe ligunya bantu lezotshutshiso eMpuma Koloni esisibini sigwetywe iminyaka emihlanu ngobuqhetseba nobusela, kunye neminyaka elishumi nokwehlisa imali ngomlenze, iminyaka emine yanqunyanyiswa iminyaka emihlanu phantsi komqathango wokuba abaphuli uMthetho woLwaphulo-mthetho oluQuquzelelweyo ngelo xesha.
Ezizigila-mkhuba ziwuqala lomkhwa ukusukela ngenyanga yeNkanga ngonyaka ka-2019 ukuya kutsho kweyeSilimela ngowama-2021.
Ezizintunxa zayithumela lemali kwisebe lakwaABSA eliseDutywa.
“Esisibini savula iikhawunti zebhanka ezilishumi elinesibhozo(18) ngamagama wabantu abangasekhoyo kwakunye nangamagama wabantu angapha kwecingo, ukuze baphokoze lemali kwezi akhawunti,” utshilo othethela Igunya bantu lezotshutshiso eMpuma Koloni uLuxoli Tyali.
Isixa-semali ebiwe sisibini ingapha kwesigidi serandi, abanqevu bayithumela kwii akhawunti ezahlukeneyo.
Uphando loosomaqhuzu bakwaABSA kuquka nabakwantsasana lukhokhele ekubanjweni kwaba babini abathe bavuma ityala ngexesha lokuchotshelwa kwetyala.
“Ukuvuma ityala akulophawu lokuzisola kwaye ibhanki yeyona ndawo embi kakhulu enokweza ubusela nanjengoko ingekho enye indawo apho abantu banokugcina imali yabo ikhuselekile,” uphikisile watsho uLise Keech oligqwetha lombuso.
Elam Zintle Tsita
03 EyeKhala 2024