UKUNYOLUKA KUMENZE AQAMELE NGENQINDI
NQAMAKWE- USibahle Benya waseNqamakhwe uzokudontsa iminyaka emibini kwezimnyama.
Oku kuza emveni kokuba uSibahle Benya egqumze abantu ebathengisela imisebenzi, ezenza umlawuli woMasipala wasekuhlaleni waseMnquma eGcuwa.
UBenya ebethengisa imisebenzi kamasipala ngegama lomlawuli womasipala waseMnquna eGcuwa, uSindiswa Benya.
UManejala walomasipala uSilumko Mahlasela wangqina ukuba ngokwenene esisibini asazani, nanjengoko uSibahle wabanjwa ngonyaka ka-2022.
Ngokwengxelo etyekezwe ngumasipala waseMnquma idandalazisa ukuba, “USibahle ebenyanzelisa amaxhoba ukuba akhuphe imali engange R200 ukuya kuR5000, behlawulela isicelo somsebenzi nokufumana umsebenzi. Iimpepha ezitshoyo ziveziwe phambi kweNkundla kaMantyi yaseGcuwa”.
Othethela Igunya bantu lezotshutshiso eMpuma Koloni uLuxolo Tyali unqwalile ukuba ngokwenene uSibahle Benya ugwetyiwe iminyaka emibini, yiNkundla kaMantyi yaseGcuwa.
Ukongeza othethela lomasipala uLoyiso Mpalatshana, “UMasipala uzimisele ngokulwa urhwaphilizo kwaye asihleki nabhokhwe”.
UMasipala waseMnquma uyazingca ngamawonga akhe ophicotho-zincwadi olucocekileyo lweminyaka emibini egqithileyo(2022/23-2023/24).
UMpalatshane ugxininise ngelithi, “Esi senzo sinegalelo elibi kwisidima somasipala kwaye nabani onothi enze urhwaphilizo esebenzisa igama lomnye wabo uzakuqondana nomthetho nanjengoko kubonisiwe kule meko”.
UMasipala ukhuthaza uluntu ukuba lusoloko luqinisekisa nazaphi na izithuba zomsebenzi okanye iithenda kwii-ofisi ezinkulu zalomasipala eGcuwa.
UMasipala ukwakhuthaza nabani na onolwazi ngezenzo zorhwaphilizo ukuba azichaze angachazi igama lakhe ngomnxeba wasimahla wokulwa urhwaphilizo: 0800 20 20 17.
Vuyolwethu Gotye
03 EyeKhala 2024