“ABO BAGULAYO BAFAKA UXINIZELELO KWISEBE”- MABUYANE
QOBOQOBO- Kwinqanaba eliyimbali lokuphucula iinkonzo zezempilo eMpumaKoloni, iNkulumbuso yephondo uLubabaloOscar Mabuyane kunye noMphathiswa wesebe lezempilo ephondweni uNtandokazi Capa banikezele ngokusesikweni iinqwelo zempilo.
Olunikezelo beliqhutyelwa kwisibhedlele sase S.S Gida ngomhla we-03 kweyeKhala kule imiyo, eQoboqobo.
Ezi zithuthi zikhethekileyo zithunyelwekwizithili ezahlukeneyo ukuvalaumsantsa ekufikelelenikwezempilo.
UMabuyane uphefumle ngelithi, “Sithe chu ngcembe sifezekisa izithembiso ebesizithethile uyakukhumbula ukuba sasitshilo ukuba sizakuthi gqolo sithenga izithuthi zesebe lezempilo.
Ukongeza urhulumente uthenge izithuthi ezingapha kwekhulu elinamashumi asixhenxe(170) eziquka iingqwelo zezigulana, iikliniki ezihambayo kunye neenqwelo zamaqela ohlangulo.
“Apha sizokunikela ngenqwelo zezigulana kunye nekliniki ezihambayo, ukuba abantu bakuthi bangasebenzisa amayeza ngokwemiyalelo ndiyathembisa umthamo wokugcwala kwabantu kumaziko ezempilo ungehla,”Mabuyane.
UMabuyane ugxininisile ukuba ngokwenene ukugcwala kwamaziko ezempilo kudala uxinzeleleko kubasebenzi.
INkulumbuso iqinisekisile ukuba ngokwenene amayeza akhona kumaziko ezempilo ephondweni jikelele.
UMphathiswa wesebe lezempilo ephondweni uNtandokazi Capa ukhankanye ukuqhekezwa kweendawo zesebe lezempilo kweliphondo nto leyo enciphisa ukhuseleko lwabasebenzi kunye nezigulani.
“Silisebe sizokuqinisekisa ukuba uzokuphela nya lomkhwa,” utshilo uNcapa.
Ukongeza uNcapha ugxininisile ukuba belisebe baqweba amaqhinga okunikezela ngenkonzo zempilo ezisemgangathweni.
Vuyolwethu Gotye
04 EyeKhala 2024