BAYAKWASUKILE OOXHILIPHOTHO BASE MPUMA KOLONI
ENGCOBO- Iphondo leMpuma Koloni liphinde lagutyungelwa bubugebenga obujoliswe kumagosa kwakunye namaziko esebe lezempilo.
Ngomhla wesithathu kule imiyo oonqevu abaxhobileyo abathandathu beqweqwedise isithuthi senkonzo zonyango olungxamisekileyo(EMS).
Ngokwengxelo edizwe lisebe lezempilo ephondweni, “Esisithuthi nebebesiqhutywa ngumphathi wesikhululo senkonzo zonyango olungxamisekileyo siqweqwediswe kufutshane nedolophu yaseNgcobo kuhola wendlela uR61”.
Ezizigila-mkhuba zihambe neligosa zayokulilahla ngakwihlathi lase Langeni, kude kufuphi naseMthatha.
Ukongeza ngethamsanqa abaxhiliphotho khange balonzakalise ixhoba.
ISebe lezempilo lingqinile ukuba abakwantsasana bachutyelwe ngalomba, “sibongoza amagosa ezomthetho aqinisekise ukuba akhangela abanqevu nasezicithini,” litshilo isebe.
Ukuzokuthi ga ngoku ezizigila mkhuba zisagcwele amathafa.
Vuyolwethu Gotye
05 EyeKhala 2024