KUTYALWE IZIGIDI KWA-NOKHOLEJI
DIKENI- IDyunivesithi yaseFort Hare(UFH) ibisingathe umsitho kunye nenkampani iAngloGold Ashanti ngenjongo zokuvula iziko lophando lweAngloGold Ashanti kwinzululwazi yobisi kunye nezobuchwepheshe kwi fakhalthi yezenzululwazi kunye nezolimo eFort Hare, kwi khampasi yaseDikeni ngomhla we-21 kweyeSilimela 2024.
Olu manyano lwenziwe lwaba yimpumelelo ngesixa semali esingange R12.5 yezigidi zeerandi ezivela kwiAngloGold Ashanti, enye yotyalo-mali olukhulu lwecandelo labucala kuphando kwidyunivesithi yaseFort Hare.
Lentsebenziswano ijongise ekuguquleni ukuveliswa kolwazi ngokuqhubela phambili uphando, uphuhliso kunye nokuveliswa kwezinto ezintsha kwinzululwazi yobisi kunye nezobuchwepheshe.
Ingqonyela yaleDyunivesithi uNjingalwazi Sakhela Buhlungu wenze intetho yokuvula kunye namazwi okwamkela evakalisa uchulumanco, “Lo ngumbono omhle kwaye ixesha lawo lingoku.
”IDyunivesithi yaseFort Hare lelinye lamaziko emfundo ephakamileyo elineziko lokuvelisa ubisi phantsi kwenkampani iAmadlelo.
USimphiwe Somdyala nongumphathi weAmadlelo inkamampani efuye inkomo ezivelisa ubisi kuleDyunivesithi.
“Oku kuzibophelela kugxininisa ukubaluleka kweli nyathelo kwindawo ezijongene nentlupheko, imida yeziseko zophuhliso, ukunqongophala kwelizwe, kunye nezinga eliphezulu lentswela-ngqesho,” utshilo uSomdyala.
Lentsebenziswano yamkelwe kakhulu ngabachaphazelekayo abaphambili kushishino lobisi, iMilk Producers Organisations(MPO).
“Sinochulumanco kwaye sijonge ukuvuna iziqhamo eziya kuvela kule ntsebenziswano phakathi kweFort Hare ne-Anglo Ashanti,” utshilo uFanie Ferreira umlawuli weMPO.
UGqirha uGugu Moche, uyincomile lentsebenziswano kwaye wavakalisa umdla weSiseko ekuziseni lentsebenziswano.
Lo msitho uphele ngokukhenketha ifama yobisi yedyunivesithi yaseFort Hare.
Elam Zintle Tsita
05 EyeKhala 2024