Ezasekuhlaleni

AZOTSHO AKWAZI UKUFIHLA INTLOKO AMAXHOBA ASE-AMATHOLE!

AMATHOLE- UMasipala wesithili saseAmathole uqweba okwakha amakhaya okwethutyana angama-525.

UMasipala uzokwakha izakhiwo zethutyana ezibonelelwa kwiintsapho eziphulukene namakhaya wazo ngenxa yemimoya eyayibhudla ngamandla kunye neemvula ezinamandla ezahlasela abemi balomasipala.

Amaxhoba achaphazeleka phakathi kwenyanga yeKhala ukuya kweyeDwarha kulo nyaka uphelileyo.

UMasipala waseAmathole esebenzisana necandelo lezentlekele kwisithili, iphondo kunye nakuzwelonke lamaziko azimisele ukuqinisekisa ukuba uluntu oluchaphazelekayo lufumana inkxaso oluyidingayo.

Ibambela sesithethi somasipala waseAmathole uSisa Msiwa uthe, “Sisebenzisana namacandelo athile ka rhulumente sizimisele ukuqinisekisa ukuba bonke abo bachaphazelekayo bayayifumana inkxaso.

“Ukongeza uMwisa ungqinile ukuba abo badinga inxkxaso kuzokuxhomekeka kwisidingo salowo.

ISebe lezokuhlaliswa koluntu kuzwelonke lityikityile ukuba ngokwenene ikhontraka ingaqala ukusebenza kulomasipala.

Ukongeza ngomhla wesithathu kule imiyo unokontraka unikwe uxanduva lokwakha izindlu zethutyana ezingama-215 kumasipala wasekuhlaleni waseNgqushwa, kwalandelwa kukwaziswa kweekontraka ezintathu kumasipala wasekuhlaleni waseAmahlathi ukuze kwakhiwe iiyunithi ezingama-310.

“Ukwakhiwa kwezi zakhiwo akuboneleli ngezizindlu zidingwa kakhulu luluntu kuphela kodwa kukwadala amathuba engqesho ekuhlaleni, ingakumbi kubasebenzi ngexesha lale projekthi,” wongeze watsho uMsiwa.

Elam Zintle Tsita

09 EyeKhala 2024