Ezempilo

UKULINDA KWABO KUBENEMIVUZO

EMONTI-Bamalunga nama-70 abantu baseMpuma Koloni abaza kuxhamla kuthotho lotyando lwe-urology, nanjengoko lo mmandla ujongene nokusilela kwezigulane ezimalunga nama-900 ezilindele olu tyando.

ISebe lazempilo eMpuma Koloni lisebenzisana namaziko ezempilo aphambili afana nombutho i-African Synergy Health Foundation, iLife Beacon Bay Hospital, ¡Cure Day Hospital, kunye neRoyal Buffalo Hospital,ukuqhuba utyando olungama-67.Lenkqubo yotyando izakuqhuba kwisibhedlele saseFrere, eMonti kule veki sikuyo.

NgoMvulo umhla wesibhozo kule imiyo uMphathiswa wesebe lezempilo ephondweni uNtandokazi Capa ebendwendwele esisibhedlele ukuzojonga usuku lokuqala lolutyando.

“Sinezigulane ezingama-780 kuluhlu lokulinda kwaye izinto ezinegalelo kukuba esi sibhedlele sithatha inani lezithili kwaye sinengcali enye kuphela,”utshilo uCapa.

UCapa ukhuthaza ukuba oogqirha baqeqeshwe kwelicandelo kuba olu lindo lwenziwa sisakhono sogqirha esinqabileyo.

“Indawo ekuzoqalwa kuyo olutyando zizigulana ebezikuluhlu lokulinda okuthetha ukuba zifunyenwe zinesifo esithile nokuba ngumhlaza wedlala lobudoda, badinga ulwaluko, okanye amatye izintso,” litshilo igosa eliphethe i-ofisi yeAfrican Synergy Health ugqirha Viola Morolo.

Uggirha uJeff John oyingcali ye-urology kwisibhedlele saseFrere uthi kukho ama-347 abhalisiwe we urologists ukusukela ngenyanga yoMnga kulo nyaka uphelileyo kodwa ngama-50 kuphela abhalisiweyo kwicandelo lika likarhulumente.

“Kunzima kakhulu ungabikho kogqirha kwaye kwenza uxinzelelo olukhulu kuthi,” utyatyadule watsho uJohn.

UJennifer James omnye wabazoxhamla kolu tyando uthi kuyanxunguphalisa ukulinda ixesha elide sibe isimo sakho siba sibi.

“Ndiyavuya kakhulu ngoba uncedo ndilifumene kwaye ndiyalivuyela kakhulu ndizotsho ndikwazi ukwenza izinto kwaye nexesha endililindileyo alikho lide kakhulu,” utshilo uJennifer.

Isebe lezempilo laseMpuma Koloni kunye namahlakani alo ezempilo agxile ekuzibopheleleni ekuphuculeni impilo-ntle yoluntu ngokusebenzisa amanyathelo onyango olutsha.

Elam Zintle Tsita

09 EyeKhala 2024