Ulwaphulo-mthetho

ZIMGQUMZE IDUMA ELINGAPHOLIYO UMAKHULU IZIKRELEMNQA ZAKWA-BHACA

KWABHACA- Izikrelemnqa ezintathu eziquka igqwetha elaziwayo uOlwethu Mbele(33) kunye negosa lesebe lezobulungisa nophuhliso lomgaqo-siseko uNomaputukezi Sonia Sibembe(46) kunye nesihlobo sakhe uZodidi Sibembe(46).

Bebethe tshe kwinkundla yaKwaBhaca bejongene namatyala amaninzi afana nobuqhophololo,urhwaphilizo, ubuqhetseba, kunye nokuxhaphaza imali.

Kwingxelo edizwe ligunya bantu lezotshutshiso eMpuma Koloni(NPA), “ababatyholwa, batyholwa ngokuxhaphaza ixhegwazana elalifuna uncedo ngelifa lonyana walo ongasekhoyo, babamba inkcukacha ezithe vetshe malunga namalungelo omntwana womfi,baze bamhlutha intywenka yemali ngokwenza ubuxoki.”

Abamangalelwa banikwe ibheyile ye-R5000 umntu ngamnye kwaye ityala labo lidluliselwe eMthathakwinkundla yolwaphulo-mthetho olukhethekileyo ukuze kuqhutywe ezinye iinkqubo ngomhla wama-23kweyeKhala.

Othethela igunya bantu lezotshutshiso eMpuma Koloni uLuxolo Tyali uthe, “Igqhwetha liye laya kwi-ofisi yenkundla ephakamileyo eMthatha phantsi kwengxwabangxwaba yokuba ummangali unelungelo lokufumana iileta zokwaba ezikhutshiweyo, apho baye bafuna ummangali izithwenya zemali.”

Obu buqhetseba babo buye babhaqwa xa igosa lebhanki liphakamisa inkxalabo malunga nentengiselwano ekrokrelekayo, nto leyo eyabangela ukungenelela kwamapolisa kunye nokubanjwa kwabo.

Ukongeza oku iNPA ikugxininisile ukubaluleka kokulwa ulwaphulo-mthetho olulolu hlobo olubeka isoyikiso esimandla kukhuseleko Iwabemi boMzantsiAfrika, uzinzo Iwezentlalo noqoqosho Iweli lizwe, kunye nokuthembeka kwenkqubo yezomthetho.

Zintle Elam Tsita

09 EyeKhala 2024