BEKUNGU DUNTSU-DUNTSU KUGQOGQWA AMASHISHINI ANGEKHO MTHETHWENI
EMONTI- UMasipala ombaxa waseBuffalo City esebenzisana nenkonzo yesipolisa ukugqogqa oosomashishini abathengisa ngokungekho mthethweni ngoLwesibini eMonti.
Olu gqogqo lukhokhele ekubeni kuvalwe amashishini amaninzi.
Lamashishini aquka iivenkile ezintandathu eVincent kunye nezimbini eBeacon Bay.Bebonke bangamashumi amathathu anesithathu(33) abemi bamazwe angaphandle ababanjiweyo kolugqogqo.
ULuyanda Madikizela ongumanejala obambeleyo uthe, “Abemi bamazwe angaphandle ngokungekho mthethweni abazukufumana amaxwebhu, kwaye naziphi na iinzame zokuvula la mashishini avaliweyo zingakhokelela ekubanjweni kwabo”.
Olu gqogqo luye lwabandakanya izohlwayo ezikhutshiweyo kunye nokudilizwa kwetyotyombe elenziwe ngamaplanga eBeacon Bay, kusenziwa ezinye inzame zokucoca.
Umasipala ombaxa ujonge ukugcina iivenkile ezivaliweyo zivaliwe de kube imithetho iyathotyelwa, kunye nokujikeleza kwemihla ngemihla ukuqinisekisa ukuba ezi venkile zihlala zivaliwe.
Zintle Elam Tsita & Bonisiwe Mnxasana
11 EyeKhala 2024