SINABELE UQAQAQA ISIGULANE ESITSIBE ESIBHEDLELE
GQEBERHA- Isigulana sesibhedlele saseLivingstone eGqeberha, esineminyaka engama-68 nesiphazamisekileyo engqondweni sizijwile efesitileni ze sabhubha ngenjikalanga yangomhla wesibhozo kweyeKhala kule imiyo.
Esisigulane sizijwile kumgangatho wesibini saze sayokuluma umhlaba, sayikhaba kanjalo ibhekile.
Iingxelo zidiza ukuba esi sibhedlele sijongene nengxaki yokunqongophala kweenaliti kunye nezinye izixhobo zonyango.
Isithethi seSebe lezeMpilo eMpuma Koloni uSizwe Kupelo uthe, ukubhubha kwale ndoda akunxulumananga nokunqongophala kweenaliti.
Ukongeza uKupelo uthe esisigulana siyindoda saziwa ngokuphazamiseka engqondweni kwaye ukungeniswa kwakhe esibhedlele akudibananga nokuphazamiseka kwakhe.
Esi sehlo senzeke malunga ngentsimbi yesibini(14h00) ngoMvulo.
“Isigulane besihleli sinembali yemibandela yengqondo kwaye usapho lwaso luxelelwe kwaye lufumene iingcebiso koogqirha,” utshilo uKupelo.
Alityeli amabali akumila kanje kwesisibhedlele iLivingstone, asaqhuba ekhathaza izigulani kunye neentsapho zazo, nanjengoko iingxelo zokuwa kwabantu ababhubhileyo kwiifestile zeli ziko lezempilo zithe gqolo.
UMphathiswa wesebe lezempilo eMpuma Koloni uNtandokazi Capa ujonge ukutyelela esisibhedlele kungekudala.
Olunqongophalo lweenaliti lushiya abasebenzi bezonyango besokola ukubonelela ngeenkonzo ezibalulekileyo kwaye oku kubeka izigulani emngciphekweni omkhulu.
Isibhedlele iLivingstone kunye neziko elincedisana naso, isibhedlele sephondo saseGqeberha (Port Elizabeth Provincial Hospital), ziyaqhwalela ngaphandle kwegosa elisisigxina ukusukela oko uThulane Madonsela owayezingelwe ngokuyintloko waye wagxothwa esikhundleni ngonyaka ka-2018.
Vuyolwethu Gotye
11 EyeKhala 2024