Ulwaphulo-mthetho

BAGWETYWIWE ABO BABETYHOLA IINKONDEKAZI NGOBUGQWIRHA

NTABANKULU- Bagwetywe ubomi entolongweni onqevu abasixhenxe, ngezityholo zokubulala amanina amabini ababetyholwa ngobugqwirha kwinkundla ephakamileyo eNtabankulu.

Esisixhenxe sigwetywe ngoLwesihlanu umhla we-12 kule imiyo.

Ezizigila-mkhuba ziquka uLwandiso Mzaza (29), Lufefe Mzaza (28), Zithini Rhayisa (34), Yamkela Nonjojo (31), Odwa Nonjojo (34), Anelisiwe Nonjojo (32) kunye noMkhonzeni Ngcabangcosi (24).

Ukongeza ezizigila-mkhuba zaceba amaqhinga okwenza esisihelegu sokubulala ngokumasikizi ngokutshisa amaxhoba nemizi yawo ngepetroli.

Othethela Igunya bantu lezotshutshiso eMpuma Koloni uLuxolo Tyali uthe, “Sikholelwa ukuba esi sigwebo siya kusinceda ekubeni sithibaze abaninzi abasacinga ukuba ukubulala umntu kuba umthyola ukuba uyathakatha nto leyo ungenabungqina bayo ayonto eyamkelekileyo kubulungisa belilizwe.”

Igqwetha lombuso ophezulu uMbulelo Nyendwa ubalule ukuxhaphaka kokuphathwa gadalala kwabasetyhini abatyholwa ngobugqwirha kule ngingqi, egxininisa unxunguphalo olujamelene nabantwana bamaxhoba.

“Ababantwana abalahlekelwanga ngonina kuphela bakwakulo nehlazo lokubizwa ngabantwana bama gqwirha ngamanye amalungu asekuhlaleni,”uthethe watsho uNyendwa.

Ujaji uNozuko Mjali usikhalimele esi senzo esithi sisigrogriso eluntwini watsho esithi kufuneka isohlwayo esiqatha ukuze kukhuselwe uluntu kulwaphulo-mthetho olulolu hlobo.

Zintle Elam Tsita

12 EyeKhala 2024