BATSHE BALITHUTHU KWINGOZI YEMOTO
CUMAKALA- Batshe balithuthu abantu ababini abagaxeleke kwingozi yemoto kuhola wendlela uN6 eCumakala.
Kusweleke abantu abathathu ngoko-nangoko kule ngoziIingxelo zidiza ukuba lentlekele yenzeke emveni kokuba kutshayisene isithuthi esincinci kunye nelori.
Izityholo zithi abo bebekhwele kuhlobo lwesithuthi iVW Tiguan batshe balithuthu.
Ngokwengxelo etyekezwe lisebe lezothutho ephondweni, “Umqhubi welori uswelekele kwindawo yexhwayelo ukanti ugxa wakhe ubalekiselwe kwisibhedlele saseFrere, nanjengoko efumene umonzakalo ongephi.”
UMphathiswa wesebe lezothutho uXolile Nqatha ugqithise amazwi ovelwano kwiintsapho zamaxhoba kwaye unqwenelela ukuphila okukhawulezayo kulowo usesibhedlele.
“Oyena nobangela wale ngozi awukachazwa, nanjengoko kusaphandwa ngamapolisa oMzantsi Afrika aseKei Road,” iSebe lezoThutho ephondweni.
Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe.
Zintle Elam Tsita
13 EyeKhala 2024