Ezasekuhlaleni

BAZISELWE UXILONGO LWAMEHLO ABANTWANA BASE MAPHANDLENI ASE BIZANA

BIZANA-Umbutho onikezela ngeenkonzo zempilo iKeready ubindwendwele emaphandleni kwiilali zaseBizana ngoLwesibini ngenjongo zokuxilonga amehlo abantwana bezikolo zasemaphandleni ase Bizana abangama-492.

Oluxilongo beliqhutyelwe kwiholo laseOliver kunye nesibhedlele iAdelaide Tambo ze kwaxhamla abantwana abeneminyaka emithandathu(6)ukunyuka.

Abaququzeleli boluxilongo ibingabasebenzi bokhathalelo lwempilo besebenzisana neProjekthi yamehlo; Umbono Eye Project.

Usokhemesti kunye nomcebisi ngoqeqesho nowayesakuba ngusekela mlawuli-jikelele wezemfundo eMpuma Koloni, okhokhela iqela le-Keready laseMpuma Koloni, uEwan Harris uthe, “Kwezi nyanga zintathu zidlulileyo ootitshala bachonge abafundi abangaboniyo kakuhle kwizikolo eziyi-26 kwaye sizobahoya, sibanike nezi-specs zamehlo”.

Ukongeza bekukho neqela labafundi abalishumi elinesithandathu(16) abasuka kwisikolo samabanga aphantsi iMhlabuvelile eLudeke Mission, abaziswe ngutitshala wabo uNtombizedumo Bhekizulu.

UBhekizulu uthe, “Abantwana bam bayasokola ukubona into esiyibhala ebhodini ndiyavuya kakhulu nanjengoko bezokuxhamla,” utshilo.

Ukongeza, abafumananga xilongo lwamehlo kuphela abantwana bezizikolo koko basose bexhamla kuxilongo lwempilo ngokubanzi, ukusukela kukhathalelo lwamazinyo ukuya kwimpilo yokuzala.

Ngabantwana abathe kratya kuma -750 abasele behloliwe kwintsuku ezimbini zoxilongo.

Ukanti abantwana abangama-52 bachongwe njengabafanelwe zi-specs zamehlo ezichazwe ngugqirha.

Imizamo yombutho iKeready ayibonelelanga kuphela ngokhathalelo lwezonyango oluxabisekileyo kodwa ibonise nendlela eya kwimpumelelo yezemfundo kwaba bantwana bafanelekileyo.

Vuyolwethu Gotye

13 EyeKhala 2024