LUYABHENCWA URHWAPHILIZO E-ENOCH MGIJIMA
KOMANI- Ingxelo yophando-nzulu egunyaziswe lisebe lentsebenziswano kurhulumente nemicimbi yemveli eMpuma Koloni(COGTA) idize ubuqhophololo obungqonge ukunikezelwa kwesivumelwano sokwakha ibala lezemidlalo elaxabisa isixa-semali esingange R20 million.
Oku kuza emveni kokuba uMasipala wasekuhlaleni waseEnoch Mgijima kunye nenkampani iThalami Civils bakha ibala lezemidlalo i-Lesseyton eKomani ngonyaka ka 2020 elalibalelwe kwisixa esingange R4.5 million.
Othethela isebe lentsebenziswano kurhulumente nemicimbi yemveli eMpuma Koloni uPheello Oliphant uthe, “iThalami Civils yayifumana ithenda yokwakha ibala lezemidlalo nangona yayifumene indawo yesine kwinkqubo yokhuphiswano.”
Ingxelo yolu phando icebise ukuba onke amagosa kumasipala waseEnoch Mgijima abandakanyekayo kweli phulo mawathathelwe amanyathelo asemthethweni.
UOliphant ugxininise ngelithi, “lamagosa achaphazelekayo azoku jongana nengalo yomthetho ukanti ke amanye kufuneka ajongane nenkqubo yoluleko zingaphelanga iintsuku ezili- 14 ukuya kwezinga-30.”
Oku kubhencwa kukhomba ukutenxa ngokuphandle kwethenda, ukunyhashwa kwenkqubo yethenda, kunye norhwaphilizo kumasipala wase-Enoch Mgijima.
Vuyolwethu Gotye & Bonisiwe Mnxasana
15 EyeKhala 2024