UTSHE WALUTHUTHU UMZI YIRHASI(GAS)
TSOMO- Utshe waphela umzi wenkondekazi uElizabeth Moses(70), ngentseni yangoMgqibelo kwilali yaseKuphumleni eTsomo.
Lenkondekazi uMoses ibehleli nomzukulwana wayo oneminyaka elishumi elinesibini(12) ngelixa kudubula irhasi yatshisa yonke into.
Iingxelo zidiza ukuba esisibini sisindile, nanjengoko benayo imigruzuko engephi.
Ngokwengxelo edizwe lilungu leKhula Project EC uPetros Majola, “Umama uElizabeth uzibizele unomnganga ngelixa ekhanyisa ngekhandlela ngenjongo zokubona lento idubulayo ze wadlokova umlilo etsalwa yirhasi le idubuleyo.
“UMajola ugxininisile ukuba kushiyeke iindonga zodwa.
Naluphi na uhlobo lwenkxaso olunokuvela luya kuxatyiswa kakhulu.
Nawuphi na umsamariya kucelwa ukuba atsalele umnxeba uSiziwe: 0835831407 okanye udade wabo:0784382465)ukuze badlulise ngeminikelo abo bakwaziyo.
Vuyolwethu Gotye & Bonisiwe Mnxasana
15 EyeKhala 2024