Ezasekuhlaleni

ZIVAKELE IZIKHALO ZAMAFAMA ATSHELWE YIMFUYO KUQUMBU

QUMBU- UMphathiswa wesebe lophuhliso lwasemaphandleni nohlenga-hlengiso lwezolimo eMpuma Koloni, uNonceba Kontsiwe, unikezele ngenkxaso kumafama akuQumbu ngoMvulo umhla we-15 kweyeKhala kule imiyo.

Oku kulandela isiganeko somlilo ogqugqise lo mmandla utshabalalisa iigusha neebhokhwe ezingaphezulu kwamakhulu amabini.

UKontsiwe utyelele ilali yaseZilandana nezinye iindawo ezichaphazelekileyo kumasipala wasekuhlaleni waseMhlontlo, ebonelela ngokutya kwezilwanyana kumafama anxungupheleyo.

Utyelelo luka Kontsiwe lunike ithemba kumafama afana noMasibhozo Yilo, olahlekelwe ziigusha ezili-111 ezitshe kulo mlilo.

“Landitshonela emini ilanga lomini, intlungu endandiyiva ayinakufaniswa,” utshilo uYilo enyembezana.

Ukongeza uYilo ugqibezele ngelithi, “Uncedo lukaMphathiswa kunye namazwi akhe enkuthazo andizisele isiqabu, ngoku sinethemba kuba eziseleyo izimvu ziya kuba nento etyiwayo”.

Ngelahleko engathethekiyo, isebe lophuhliso lwamaphandle nezolimo ephondweni, likhokelwa nguMphathiswa uKontsiwe, libonakalise ukuzibophelela ekuxhaseni amafama linceda ukuba akwazi ukubuyela esiqhelweni.

Vuyolwethu Gotye

15 EyeKhala 2024