IZIKOLO EZIGQWESILEYO ZITHWE JIZE NGEMIGRUGRA YEEMOTO
EMONTI- UMphathiswa wesebelezemfundo eMpuma KoloniuFundile Gade, uwonge izikolo ezigqwesayo ngomhla we-16 kweyeKhala kwiimbasa zokugqwesa zika-2024.
Lo msitho ububanjelwe kwizikolemfundo iMandla Makupula eMonti, apho bekunikezelwe ngezithuthi neevawutsha kwizikoloezihlanu ezifanelekileyo.
Eli phulo lasungulwa ngeenjongo zokubhiyozela inzame ezimangalisayo zezikolo kwicandelo lezemfundo.
Izikolo ezikhethiweyo zizikolo eziqala kwinqanaba lokuqala ukuya kwinqanaba lesihlanu kwakunye nesikolo esikhethekileyo, ezithe zawongwa ngokugqwesa kwazo.
Ukongeza ezi zikolo ziquka isikolo samabanga aphakamileyo iToli, isikolo samabanga aphakamileyo iCape Recife, isikolo iSt John’s College,isikolo samabanga aphakamileyo iSoqhayisa, isikolo samabanga aphakamileyo i-Osborn kunye nesikolo samabanga aphakamileyo i-Alexander Road.
“Sinikezele ngemigrugra yeemoto kwizikolo ezine ezifanelekileyo ukusuka kwinqanaba lokuqala ukuya kwelesihlanu ngelixa ezinye izikolo ezimbini zinikwe iitshekhi yemali engamawaka ayi-R250,000.00 ngokwezicelo zabo kuba babe zifumene imoto kunyaka odlulileyo,”: utshilo uMphathiswa uGade.
Usihlalo webhunga lezengcebiso kwisebe lezemfundo eMpuma Koloni uPhumla Ngesi, uthe, “Namhlanje sibhiyozela ukugqwesa kumsebenzi wokufundisa kwaye sijonge phambili ukusebenzisana nesebe lezemfundo leMpuma Koloni kwaye siyazingca ngale mpumelelo yezizikolo.”
Ibambela lenqununu kwisikolo samabanga aphakamileyo iToli eLusikisiki esinye sezikolo esithiwe jize ngomgrugra wemoto uSiyazi Ntlanga, uthe, “Le moto izakunceda kakhulu kuba eToli sinabafundisi-ntsapho abangenazo iimoto abaqhuba iiklasi zasebusuku ngoko ke lemoto izokunceda bona”.
Ukongeza inqununu yesikolo samabanga aphakamileyo iCape Recife eGqeberha esinye sezikolo eziwongwe ngembasa u-EricaMaritz, uthe, “Namhlanje lusuku olukhetheke kakhulu kuthi njengoko sisikolo sokuqala esinemfuno ezikhethekileyo esiye sanconywa ngokugqwesa ezifundweni”.
Lo msitho uqaqambise ukubaluleka nokuxhasa impumelelo egqwesileyo kwezemfundo ephondweni.
Zintle Elam Tsita
17 EyeKhala 2024