Ezolonwabo

OKU KOKHOZI, NTINGA NTAKA NDINI

TSOLO- Ingoma kaLindo Mtangayi(28) ethi, ‘Kuvele Kukhanye’, iwuthathele phezulu umculo ukusukela oko yathi yakhutshwa ngomhla we-12 kuTshazimpuzi 2024.

Kwivekana nje ezimbalwa ikhutshiwe ingoma kaLindo ibisele yenze imimangaliso ngokuzuza ababukeli aba ngapha kwesiqingatha sesigidi kwiqonga lezonxibelelwano uYouTube.

Le nzalelwane yakuTsolo ikwasiso nesithwalandwe sakwaNokholeji kwizifundo zeBCom(Bachelor of Science), ukanti ikhe yaxhentsa kwiDyunivesithi yaseWalter Sisulu yabuya iphethe isiqinisekiso sobutitshala.

ULindo usuke kwezo zitalato ezinothuli zedolophu yakowabo ukuya kwizibane eziqaqambileyo zeqonga elikhulu leCrown Gospel Awards 2023.

ULindo uphefumle ngelithi, “Ndingumfundisi-ntsapho ngokomsebenzi kwaye ndigxile kakhulu ekwenzeni umculo.Ubudlelwane endinabo nabafundi bam bubudlelwane obakha uluntu oluqinileyo, bunefuthe elikhulu kumsebenzi wam womculo, “utshilo.

ULindo uqaqambise ukudityaniswa kwezinto azithandayo esithi, “Ukufundisa kuluphucule uhambo lwam emculweni wam, nanjengoko ndingenzi nje ubugcisa kodwa ndifundisa kwaye ndiphuhlisa abanye, ukuqonda nokukhulisa abantu ngolwazi nokubanceda basebenzise izakhono zabo kubaluleke kakhulu njengokucula eqongeni kum”.

ULindo Mtangayi uliqale uhambo lwakhe kwezomculo ngonyaka ka-2015 nangona ethe waqala ukuqondwa ngo 2022.

Iingoma zakhe zibuyisa ithemba kwabo balisweleyo, ukusukela kwingoma yakhe ethi ‘Ndihlangule’ ukuya kutsho kweyakutsha nje ethi, ‘USirayeli akaqedwa.’

Uhambo lukaLindo Mtangayi bubungqina bamandla okholo, ukomelela, nesakhono njengoko eqhubeka nokwabelana ngebali lakhe ngomculo, ukukhanya kukaLindo kuqaqamba ngakumbi.

Gotye Vuyolwethu

17 EyeKhala 2024