Iindaba

BASUTYWE KUKUFA KWINGOZI YEMOTO ABANTU ABATHATHU KUNYE NOGQIRHA WASE GQEBERHA

GQEBERHA-Basutywe kukufa abantu abane kwingozi yemoto ebandakanya uhlobo lwesithuthi i-sedan kunye nebhaki kwindlela i-R75 eKariega(Tinarha) kwisiphambuka saseJohnson.

Le ntlavubela yengozi ithimbe ubomi bukaGqirha waseGqeberha owaziwayo uGqirha Lungisa Excel Njoko nokungoyena ebeqhuba ibhaki.

Ngokwengxelo etyekezwe lisebe lezothutho eMpuma Koloni igxininisa ukuba lengozi yenzeke malunga ngentsimbi yesithathu ekuzeni kusa ngeCawa.

UMphathiswa wesebe lezothutho eMpuma Koloni uXolile Nqatha ugqithise amazwi ovelwano kwiintsapho zamaxhoba athe asutywa kukufa kule ngozi.

Idokethi lokubulala ngokungenanjongo livuliwe kwisikhululo samapolisa aseNew Brighton.

Zintle Elam Tsita

23 EyeKhala 2024