LISAQHAKAZA OKWENTYANTYAMBO ESAKHULAYO IXHEGWAZANA ELIDALA
DIKENI-Inkondekazi eneminyaka engama-81 ubudala uLumka’Madam’ Koyana ukhuphe incwadi yakhe yokuqala ethi ‘Good, Bitter Best’.Le ncwadi iqulathe uhambo lobomi buka Koyana, ukusukela kubomi bakhe bobuntwana ukuya kumsebenzi wakhe wokuba yinqununu.
Lencwadi ikwasisikhumbuzo esichaphazela amaxesha amnandi, amaxesha abuhlungu kunye namava amnandi obomi bakhe kuquka nokoyisa ukulahlekelwa kabuhlungu ngumyeni wakhe esemncinci.
“Kule ncwadi ndikhumbula amaxesha amnandi, anjengokukhulela kusapho olufudumeleyo nelinothando lika makhulu kunye notatomkhulu wam,” utshilo uKoyana.
Ubudlelwane buka Koyana kunye nedyunivesithi yakwaNokholeji abunokuhlukwaniswanto.
Ngencwadi yakhe ujongise ekukhuthazeni omama abangenamaqabane, abahlolokazi kunye neengcali eziselula ezijongene nobunzima.
Ukongeza ukwakhuthaza ukuba ngokunyamezela kunye nokomelela, umntu angayoyisa imiceli mngeni kwaye azuze okona kulungileyo ebomini.
Zintle Elam Tsita
24 EyaKhala 2024