Ezemfundo

HUNTSHU KUBAFUNDI BEBANGA LESHUMI

CENTANE- Isikolo samabanga aphakamileyo iDondashe kuCentane besibambe umsitho wokubhiyozela impumelelo egqwesileyo yabafundi abalishumi(10) abenza ibanga leshumi ngomhla we-17 kweyeKhala kule imiyo.

Aba bafundi banconyiwe ngomsebenzi wabo onzima kunye nokuzinikela ekugqweseni ezifundweni zabo.

Lempumelelo yaba bafundi ibonakalise ngokucacileyo ukuzinikela kwesisikolo kunye nabafundisi ntsapho ekuveliseni abafundi abagqwesayo.

Umfundisi ntsapho waseDondashe uAndy Cuba uvakalise uvuyo Iwakhe ngempumelelo yabafundi, esithi, “Siyazingca ngokusebenza nzima kwabafundi bethu nokuzinikela ekugqweseni ezifundweni zabo kwaye siqinisekile ukuba baya kuphumelela kwimviwo zabo zokuphela konyaka.”

Owayengumfundi wesisikolo uSabelo Tyholwa uthe, “Ndiyazingca ngokuba yimveliso yesisikolo.”

Ngokusebenza nzima nokuzimisela kwabo, kuyacaca ukuba abafundi besikolo iDondashe basendleleni yokuphumelela izinto ezinkulu nokwenza isikolo sabo sizingce.

Zintle Elam Tsita

25 EyeKhala 2024