Iindaba

BAYAGQWESA KWEZEMIDLALO ABANTWANA ABANEMFUNO EZIZODWA

MDANTSANE- ISebe lezemfundo eMpuma Koloni lisebenzisene nombutho wezemidlalo waseMpuma Koloni wabaphazamiseke ngokwengqondo(ECSA II) ukubamba itumente yezemidlalo yezikolo zemfundo ezineemfuno ezizodwa kwibala iRubusana eMdantsane ngomhla wama-26 kule imiyo.

Le tumente ibijongise ekuququzeleni umanyano phakathi koluntu kunye nokuzuza inkxaso yoluntu kwaba bantwana.

Imidlalo ibikule tumente yibhola yomnyazi, futsal(ibhola ekhatywayo) kunye nebasketball.

Eli phulo liza kukhokhelela kumsitho kazwelonke kwinyanga yoMsintsi, nto leyo eya kukhokhela ekubeni isebe lezemfundo likhethe iqela lephondo eliza kubamela.

Iinjongo zesebe kukukhuthaza aba bafundi ngemidlalo, libabonelele ngezinto ezakhayo zokuba thintela kwimpeembelelo ezimbi ezifana neziyobisi.

Umnxibelelanisi wezemidlalo wezikolo zoMzantsi Afrika kumbutho wezemidlalo wabakhubazekileyo ngokwasengqondweni (SASA II) uThamsanqa Sekeleni uthe, “Aba bantwana kusafuneka sibathethelele ngoba esisigulo banaso sithule abantu bababona njenjabantwana abafana nabanye kwaye ngale tumente sifuna ukubadibanisa noluntu.”

Omnye wabafundi owachongwa njengomdlali ogqwesileyo kunye nendebe kwimidlalo kazwelonke kunyaka ophelileyo uSibongile Simanga, ubaququzele abanye abafundi ukuba badlale imidlalo kuba izakubanceda bangadibani nezinto ezifana nokumitha.

Umphathi wephondo wekhowudi zonke uNosipho Tede uthe, “Abazali mabavumele abantwana baze esikolweni ukuze bakwazi ukudibana nokudlala imidlalo ezingabathatha zibase ezindaweni ezikude.”

Utata kaAnathi Zondane umdlali webhola yomnyazi uMawabo Mahlanza uthe, “Ibalulekile into yokuba sibaxhase aba bantwana ngoba nabo bayafuna ukubheka phambili.”

Iitalente eziboniswe ngaba bafundi bakhubazekileyo zibubungqina bokomelela nokuzimisela kwabo ekuphumeleleni xa bejongene nemiceli mngeni.

Zintle Elam Tsita

29 EyeKhala 2024