Ezasekuhlaleni

INKQUBO YOKWAZISA NGOLWALUKO IYAQHUBA EZIKOLWENI ZASE ALFRED NZO

ALFRED NZO- INdlu yeenkosi zemveli zaseMpuma Koloni kunye nentshatsheli zamaKhoi San zibambisene nesebe lezemfundo laseMpuma Koloni kunye neqonga lolwaluko lwesithili saseAlfred Nzo lamaziko aqhuba inkqubo yokwazisa ngolwaluko ezikolweni.

Iinjongo zale nkqubo kukunika ulwazi kunye nesikhokelo malunga nokuziphatha kwamadoda asand’ukuphuma esuthwini.Amasebe ahlukeneyo afana nelezempilo, uphuhliso loluntu, inkonzo yesipolisa eMzantsi Afrika, elezemfundo, elemicimbi yezekhaya kunye nezemveli kunye noomasipala bayicacisile indlela ekufuneka kwenziwe ngayo ukukhusela ukufa kunye nokonzakala kwabakhwetha.

Izikolo ezifana nesikolo samabanga aphakamileyo iHlamandana, isikolo samabanga aphakamileyo iVukayibambe, isikolo samabanga aphakamileyo iMarina, isikolo samabanga aphakamileyo iVulindlela kunye nesikolo samabanga aphakamileyo iMpheni, ziye zandwendwelwa.

Abafundisi-ntsapho kunye nabazali basekuhlaleni bazamkele iinkqubo zongenelelo ngoncedo kwaye baqinisekisile ukuba zivelisa iziphumo ezincumisayo kuba kukho utshintsho oluncomekayo notshintsho kwindlela yokuziphatha kubafundi kwaye banqwenela ukuba urhulumente aqhubeleke neli phulo lihle.

Zintle Elam Tsita

29 EyeKhala 2024