Ulwaphulo-mthetho

UTSHISWE NGE SPIRIT NGENXA YE BHETRI

NXUBA- Inkundla kaMantyi yaseNxuba(Cradock)igwebe uSinazo Mrwetyana(30) iminyaka elishumi elinesihlanu ethothoza kwezimnyama emveni kokuba uSinazo wayezama ukubulala udade wabo uSindiswa Mrwetyana(41).

USinazo ungqinile ukuba ngokwenene udade wabo wamphosa nge spirit kwaye wamtumeka ngomlilo ekhayeni labo eLingelihle, eNxuba.

Esisihelegu senzeka ngenyanga yeNkanga kulonyaka uphelileyo.

Iingxelo zidiza ukuba uSinazo wayezityintye ngenyembezi zika’Victoria’ ngexesha wayesenza esisihelegu.

Uqhushululu laqala xakubonakala ukuba esisibini sasibambana ngezixhanti emveni kokuba intomb’endala yathengisa ibhetri lenqwelo ka nina wabo.

Ngokwengxelo etyekezwe ligunya bantu lezotshutshiso ephondweni(NPA), “USinazo wagalela udade wabo wamphosa nge spirit emveni koko wamntumeka ngomlilo esebenzisa indoji, uSinazo wabona ukuba ngokwenene udade wabo uyatsha wacela amalizo komeza ezibonakalisa ukuzisola”.

Ngexesha kuwiswa isigwebo enkundleni umtshutshisi u-Unathi Kwebulana ubuze ixhoba ukuba ingaba liziva njani, “ndiyamxolela udade wethu kodwa umthetho ungadlala indima yawo,” litshilo ixhoba.

Intsumpa yabatshutshisi ephondweni uBarry Madolo uqhwabele izandala abakwantsasana kunye neqela labatshutshisi ngomsebenzi omhle.

03 EyeThupha 2024