Iindaba

IINGOZI KULE MPELAVEKI EMTHATHA

MTHATHA- Kwisithuba seentsuku ezintathu ezikhwankqisayo,iindlela zaseMthatha zijike zaba ngumgibe obulalayo nanjengoko iingozi ezintathu zisube ubomi babantu abasibhozo kwaza konzakala abathandathu.

Ingozi yokuqala yenzeke kuhola wendlela uR61 phakathi kweSajonisi kunye noMthatha kwindawo yaseDangwana ngethuba uhlobo lwesithuthi iMazda3 ibhukuqe ishiya abantu ababini beswelekile, abathathu bonzakele.

Ngokwengxelo edizwe lisebe lezothutho ephondweni, “Ngosuku olulandaleyo isithuthi esiluhlobo leSuzuki kunye neIsuzu zintlithene kuhola wendlela uN2 kufuphi naseMthatha ze lengozi yasuba imiphefumlo yabantu abane konzakala abathathu.”

Ukongeza, “Ngalentsasa yanamhlanje uhlobo lwesithuthi sakwaVolkswagen Polo kunye neToyota Quantum zingqubane kuhola uN2 ngasePayne phakathi kweDutywa noMthatha, ukanti ke bobabini abaqhubi babhubhile ze konzakala umkhweli omnye.”

Isebe lezothutho ephondweni ligxininisile ukuba onobangela bezingozi basaphandwa njengoko idokhethi lokubulala ngokungenanjongo livuliwe kwingozi nganye.

Njengoko uphando lusaqhuba kwaye iintsapho zamaxhoba zinxunguphele, imfuno yokwandisa ulwazi kunye nemilinganiselo yokhuseleko ezindleleni ingxamiseke kakhulu kunangaphambili.

UMphathiswa wesebe lezothutho ephondweni uXolile Nqatha ugqithise amazwi ovelwano kwezontsapho zilahlekelweyo, ekwanqwenelela abo balele ngandletyanyana ukuphila okukhawulezileyo.

Vuyolwethu Gotye

04 EyeThupha 2024