Ezasekuhlaleni

USEKELA MPHATHISWA UNYATHELE KWILOKISHI ENDALA YASE MONTI

EMONTI- Kwiinzame zokusondeza iinkonzo zikarhulumente ezingundoqo eluntwini isebe lemicimbi yezekhaya kunye namanye amasebe ahambise iinkonzo kwilokishi yaseCambridge eMonti ngomhla wama-30 kweyeKhala kulo umiyo.

Oku kuza emveni kokuba abahlali bekhala ngokungabinamali yokuya ezidolophini ukuyofumana ezinkonzo kwaye abo bathi baye babuya bephaca bengalufumananga uncedo.

Eli phulo belikhokhelwe ngusekela mphathiswa wesebe lemicimbi yezekhaya uNjabulo Nzuza kunye nosekela-somlomo wendlu yowiso-mthetho yephondo leMpuma Koloni uVuyo Jali.

UNzuza uphefumle ngelithi, “ii-ofisi zethu ezihambayo zithe bhazalala kulo lonke elaseMpuma Koloni zibonelela ngeenkonzo ezifanayonezifumaneka kwii-ofisi zethu,kuquka izicelo zezazisinokuqokelelwa kwazo, ubhalisolweziqinisekiso zokuzalwanezokubhubha kunye nokutshata.”

Ukongeza usekela mphathiswa utyatyadule wathi, “Ngokwenza oku sizama ukususa imfuneko yokuba abahlali bahambe imigama emide kwaye bafumane iindleko ezingeyomfuneko xa befuna ezinkonzo,” ugxininise watsho uNzuza.

Omnye wabahlali baseCambridge uNolitha Makhwenkwane uthe, “ngenxa yezi ofisi zihambayo ndiye ndakwazi ukutshintsha incwadi yam yesazisi ibeli khadi kwaye nomntwana wam onemeko ebangela ukuba kubenzima ukuba afotwe ukuze afumane isazisi nesibonelelo sikarhulumente uzakufumana uncedo apha.”

Le nkqubo yokufikelela ebantwini yenze ukuba abahlali bazive beviwe, bexatyiswa, kwaye bebandakanyiwe kwinkqubela yesizwe.

Vuyolwethu Gotye

06 EyeThupha 2024