Iindaba

HUNTSHU KWININA LASE COFIMVABA ELIZAKHELA UPHAWU KWEZOLIMO

COFIMVABA- UNontombi Mtwazi nongumlimi waseCofimvaba kwilali yaseSqikini uguqule uthando lwakhe kwezolimo lwabalishishini lokufama, oluthando lukhuthazwa luqeqesho olusemgangathweni aluncance kwifama yokufunda yoluntu iLivingSoils isebenzisana ncakasana nenkampani yakwaWoolworths kunye nefama yomdiliya omfaxaziweyo yaseSpier ngonyaka ka-2020.

UNontombi wabuyela kwidolophu yakowabo ngonyaka ka-2021 waseka iprojekthi yakhe yokufama ebizwa ngokub yi’Mthwazi Farming Project.’

“Umbutho i-Living Soils Community Learning Farm ibiyeyona ndawo ifanelekileyo yokufunda ngeendlela zokulima ngokuzinzileyo kwaye ukuzinikela kwabo kulimo oluhlaziyiweyo kunye nokhuseleko lokutya luhambelana kunye nenkqubo zam,” ucacise watsho uMtwazi.

Ukongeza elishishini lalenzwakazi liqhayisa ngeemveliso ezahlukeneyo, ukusuka kwimifuno emitsha ukuya kwimfuyo efana neehagu kunye neegusha.

“Lunxulumano lwam nomhlaba olundikhokhelele ukuba ndivule le projekthi enegalelo kukhuseleko lokutya nokuvula amathuba emisebenzi,” ugxininise watsho uMtwazi.

Nangona uMtwazi ejongene nemiceli mngeni efana nokunqongophala komhlaba kunye nokungena kwii marike akabuyi mva ekuzibopheleleni ekulimeni nokwandisa le projekthi.

Esi senzo salenzwakazi sisebenza njengomzekelo omhle nenkuthazo kubo bonke abasafuna ukulandela ekhondweni lezolimo.

Vuyolwethu Gotye

11 EyeThupha 2024