Ezempilo

ABANTWANA ABAPHAKATHI KWEMINYAKA 10-14 NGONINA

BHISHO- Ziintsanakazi ezithe kratya kwikhulu(100) eziphakathi kweminyaka elishumi(10) ukuya kwishumi elinesine(14) ezingo mama ephondweni jikelele.

ISebe lezempilo eMpuma Koloni lityekeze iinkcukacha manani zabantwana abafikisayo abango mama ephondweni.

Ukusukela kwinyanga kaTshazimpuzi kulo umiyo ngabantwana abafikisayo abangamawaka amane(4000) ababelekileyo kulonyaka.

Othethela isebe lezempilo ephondweni uMkhululi Ndamase unqwalile ukuba ngokwenene ezintsana zibelekele kwizibhedlele zika wonke-wonke.

UNdamase ugxininisile ukuba ezintsana ziyavuma ukuba oyise babantwana zintanga zabo.

“Abantwana abangaphantsi kweminyaka ababelekela kwizibhedlele zethu rhoqo siyababuza ukuba ngobani oo-tata,” utshilo uNdamase.

Ukongeza uNdamase ubalule ukufunquka kwelinani kubangelwa; ukungakhathali kwabazali, ukungaxhaswa kwabantwana, utywala kunye neziyobisi.

Othethela isebe lezempilo kuzwelonke uFoster Mohale ugxininisile ukuba, ukusukela ngenyanga kaTshazimpuzi 2023 uzokutsho kwinyanga yoKwindla 2024 ngabantwana abangamantombazana abaphakathi kweminyaka elishumi ukuya kwishumi elinesine abangama-2 716 ababelekileyo kuzwelonke.

Ababelekileyo abaphakathi kweminyaka elishumi ukuya kwishumi elinesine kunye nabaphakathi kweminyaka elishumi elinesihlanu ukuya kwishumi elinethoba eMpuma Koloni bangama- 395 15, 827.

12 EyeThupha 2024