Iindaba

KUCHITHWE IZIGIDI ZE R37 MILLION KWIBALA LASE MATATIELE

MATATIELE- Kwadyarhazwa imali engange-R37 million kwiziko lezemidlalo laseMatatiele kwiminyaka emithandathu edlulileyo, kodwa ukuzokuthi ga ngoku iziko lezemidlalo alikagqitywa.

Ukwakhiwa kweliziko kuqale ngonyaka ka 2018 ngenyanga yeDwarha kwaye bekulindeleke ukuba ligqitywe ngenyanga yoMnga ngo2021.

Ikhontraka ibisakha elibala i-Isivana yapakisha imigodlo yayo ngo2021, nanjengoko yayiyalelwe ngumasipala ukuba yenze isigaba sokuqala.Lekhontraka yakhe ucingo kunye nengca kuphela.

Ikhontraka entsha i-MVI & Maintaince iqashwe ngenyanga kaCanzibe 2023 ukuba yakhe izidlu zangasese, amagumbi okutshintsha kunye nendlu kanogada ngoko xwebhu lesiniki-maxabiso somasipala.

Ngokwengxelo etyekezwe sisithethi somasipala wasekuhlaleni waseMatatiele uLuncedo Walaza, ugxininisile ukuba ngokwenene ichithiwe imali engange R23 million kwaye ichithiwe kwisigaba sokuqala.Ukuzokuthi ga ngoku isixa-semali esingange R12.2 million sichithwe kwisigaba sesibini.

Ukongeza uWalaza uthe, “siyanqwala ukuba indlu yonogada kunye namagumbi wokutshintsha zakhiwe ukanti izitulo zentsimbi nazo zifakiwe.”

Oka Walaza walile ukuphendula ukuba eliziko kulindeleke ukuba ligqitywe nini ukwakhiwa.

Abahlali abasondela ngakweliziko bagxininisile ukuba hayikhona, bagqibela ukubona abasebenzi ngenyanga kaTshazimpuzi.

Ziiveki zimbini akabanjwa tu umakhalekhukhwini wekhontraka i-MVI construction and maintaince, ukuze iphefumle ngalenyewe.

Umhlali uViwe Khwababa ungqinile ukuba ubhuti wakhe wayeqashwe ngo2019 wayesakha ucingo kwisigaba sokuqala, “Ubhuti wam uthi baberhola i-R2 500 umntu ngamnye kwaye oko babejonge enkalweni becinga bazokuphinda babizwe zange yenzeke lonto, ndikuxelela ngomanejala wethu owaya kumabonakude exelela lonke ilizwe ukuba eliziko liyakugqitywa ngenyanga yoMnga 2021,” utshilo uViwe.

Ukhansilla we wadi weDA uCeba Wonga Potwana ugxininisile kudala empheka emophula umasipala kodwa ukha phantsi isitya sigcwele.

12 EyeThupha 2024