KUBANJWE MNCEDISI-MANEJALA WASE HEMMINGWAYS NGOBUQHENTSEBA
EMONTI- Umncedisi obengu manejala ubanjelwe ubuqhentseba bemali yevawutsha zamakhadi(gift vouchers) engapha kwe R700, 000.
Elisela lingu Rosslyn Moodley(43), libanjwe ngoLwesithathu yinkundla kaMantyi yaseMonti.
Ngokwengxelo yobutho lokhetshe(HAWKS) uMoodley wabanjwa ngomhla we 13 kweyoMdunba 2023.
Othethela ibutho lokhetshe ephondweni uKapteni Yolisa Mgolodela ugxininisile ukuba obubuqhentseba buthathe iminyaka emibini.
“UMoodley wayeqashwe kudederhu lwevenkile eHemmingways, eMonti njengo mncedisi ka manejala. Obubuqhophololo bokuba imali yevawutsha zamakhadi ukwenze iminyaka emibini phakathi ko 2018-2020,” utshilo uMgolodela.
Ukongeza lomba waye wathiwa thaca kwicandelo lezophando, ukuze kuqhutywe nophando.
Ibutho lokhetshe kuphando lifumanise ukuba elinina ladyarhaze imali engange R720, 000.
UMoodley wayewakhululwa ekubanjweni ngesilumkiso.
UMgolodela ugxininisile ukuba nanjengoko uMoodley ebequqa enkundleni ekugqibeleni ude wagityiselwa ngapha kwezintsixo.
Ukanti elityala liphinde lahlehliselwa umhla we-14 kweyeDwarha 2024.
Intloko yobutho lokhetshe ephondweni uNjengelele Mboiki Obed Ngwenya ubaqhwabele izandla bonke abo bebesebenza kwelityala, kwaye ugxininisile ukuba uMoodley kufuneka ajamelana nesigwebo esimfaneleyo.
15 EyeThupha 2024