Iindaba

U-SANRAL UFAKE ISIXA-SEMALI ESINGANGE R2.2 BILLION EMAMPONDWENI

FLAGSTAFF- Intsumpa ye-arhente yezendlela(SANRAL) uReginald Demana uphehlelele ngokusesikweni isigaba se R2.2 billion seprojekthi iN2 Wild Coast Road(N2WCR).

Ngomhla we-14 kule imiyo uDemana uphehlelele leprojekthi ukanti ikhontraka exhamlileyo kule projekthi yinkampani iWBHO esebenzisana neEdwin Construction Joint Venture.

Ukongeza uDemana uchithe iintsuku ezintathu emamPondweni ukanti unyathele naseMsikaba kunye naseMtentu.

Leprojekthi ye R2.2 billion izokwakha isiphambuka iLingeni kunye nomgama we 33km ibhulorho yaseMsikaba nanjengoko ingondoqo beprojekthi.

UDemana uthe, “Sityale isixa-semali esingange R20 billion kuleprojekthi iN2WCR iyonke, ngeyona projekthi ingundoqo lena nanjengoko izokube inxulumanisa amaphondo amane; Ntshona Koloni, KwaZulu- Natal, Mpumalanga kunye nephondo leMpuma Koloni ukanti izokunwena idibanise nelizwe iMozambique.

Leprojekthi izokunciphisa ixesha elingange yure ezimbini phakathi kwePort Shepstone kunye neSajonisi.

Imisebenzi edalekileyo esisigxina ingama 8000-9000.

Kulindeleke ukuba ibhulorho yaseMsikaba igqitywe ngonyaka ka 2025.

Ukongeza iprojekthi yebhulorho yaseMtentu ukuzokuthi ga ngoku sele kuchithwe isixa-semali esingange R250 million, ukanti ngabantu abayi 248 basekuhlaleni abaxhamlileyo emsebenzini.

15 EyeThupha 2024