IZIXHILIPHOTHI ZOONQEVU ZIPHANGE ABAPHATHI BENDAWO YOKUPHUMLA
XHORHA- Ngomhla we-14 kule imiyo, iinkuntsela zoonqevu ezixhobileyo zimbonzeleke kwindawo ekuhlala kuyo iziphatha-mandla zendawo yokuphumla, iBulungula lodge, eXhorha kwindawo yaseNqileni.
Ezizigila-mkhuba zine zixhobileyo zithathe iintsumpa zalendawo uDave Martin kunye noRèjane Woodroffe kwindawo abahlala kuyo zabasa kwi-ofisi zaseBulungula lodge.
Ngokwengxelo edizwe yiBulungula Incubator, “Lamadoda athe akufika kwii-ofisi zethu abophelela unogada wethu wasebusuku ngentambo uSonwabile Timo Futu emveni koko aphanga i-ofisi yethu”.
Abanqevu bathathe isithuthi salendawo babaleka noMartin kunye Woodroffe.
Ngethamsanqa lonogada ukwazile ukuzikhulula wahlaba ikhwelo ekuhlalaleni, abahlali khange baphozise-maseko baye bathi bhazalala bexhobile bevala zonke iindlela.
Abanqevu baye bacela kwabanentsente emveni kokuba abahlali bekwazile ukuba khupha emotweni.
“UMartin kunye noWoodroffe babalekiselwe kwisibhedlele iMadwaleni. Ngethamsanqa uSonwabile usindile kwaye akanawo nomkrwelo,” Bulungula lodge.
Abakwantsasana baphanda lomkhuba, ukanti iziphatha-mandla zalendawo zinqwalile ukuba ngokwenene izinto zibuyele esiqhelweni kulendawo.
USodolophu woMasipala wasekuhlaleni waseMbhashe uCeba Samkelo Janda undwendwele eziziphatha-mandla ngomhla we-19 kweyeThupha, “Ndiyavuma ulwaphulo-mthetho kwiindawo esihlala kuzo liphume izandla, kodwa ndibulela ubambiswano apha ekuhlalaleni,” utshilo uSodolophu.
Ukongeza uCeba uJanda, ubongoza nabani na onolwazi ngalomkhwa ukuba aze ngaphambili ukuze ezinkuntsela zabanqevu zijamelane nengalo yomthetho.
19 EyeThupha 2024