Ezemfundo

BAGOTYWA BESEBATSHA

XHORHA-“It takes a village to raise a child”, kwaye “Ingqeqesho iqala ekhaya”.La ngamazwi athethwe ngusihlalo wesigqeba solawulo lwesikolo uLonwabo Mswelanto.

Beziphume ngobuninzi bazo izinxiba-mxhaka kwingxikela nesihika-hika setheko labantwana abancinci kwisikolo samabanga aphantsi i-Elliotdale Village SPS kummandla waseXhorha namhlanje.

Obewisa intetho kulomnyhadala naye ekwangumfundisi-ntsapho kwisikolo saseGqira SPS eNgqeleni uNkskz Noxolo Mandukwini uthathe ixesha elimnandi kunye nezingelosi eziculela kwaye ezibalisela neentsomi ezimnandi.

Uyabazi ke ooNomngqushwana ngamabali.

Bebethe cwaka, bephula-phule ngomonde.

UNoxolo Mandukwini ubegxile ekwacangcatha kumgomo othi, “Imfundo sisitshixo sobomi”.

Uye wathetha neentsika sokwakha isikolo ezintathu ekuquka kuzo umzali, umfundi kwakunye nomfundisi-ntsapho.

Umfundisi uLwandile Mngonyama webandla leLast Move Ministries International elizinze kwidolophu yaseNgcobo ubemnxibele amaquza nesikhindi uSathana, umnyathele wamnyovula, emtsweba nakulomaqebengwana wentsulana zakhe, umxovule wamgangatha weenatyaa! Iinzwane ezirholofu.

Umgibisele ngamatye etyhile kwincwadi kaMateyu isahluko se-18 ivesi ye-18 ukuya kweyama- 20, “Enithe nakubopha emhlabeni kobotshwa nasemazulwini, enithe nakukhulula ezantsi emhlabeni nasezulwini kokhululwa”.

Oyinqununu yesikolo uNkskz Noloyiso Mgwili ubathembisile abazali ukuba imisitho enje bazakuthi gqolo ukuyenza kuba ilikhubalo kwikamva labantwana abancinci. Ugqibezele ngelithi nangomhla wama- 29 kuzakube kukho elinye itheko lokuthi ndlela-ntle kubafundi bebanga lesiXhenxe.

Lo msitho ubukwelona zinga liphezulu kuba ubuzinyaswe nazindwalutho esisuka kwiSebe LezeMfundo kwisithili saseAmathole East uBulelani Tsitsa oyiDeputy Chief Education Specialist(DCEs) kwi Pre-Primary Unit kunye nomama uWongeka Sidlova oyiSenior Education Specialist kwi Pre-Primary Unit.Ibungumbo nomXesibe izidwesha nezidwangube zomzi waseXhorha zincame imisebenzi yazo ngeliyokubhiyozela abantwana kulo mnyhadala.

Makubechosi kubehele kulale ubumnyama kuvele ukukhanya kubenje ngelanga liphuma elagcibeni.

Mzukisi Mangwane

21 EyeThupha 2024