ISEBE LEZEMFUNDO LISINGATHE INTLANGANISO YAMALUNGU E-SGB
EMONTI- Isebe lezemfundo eMpuma Koloni libambe intlanganiso yantsuku-mbini yokuqeqesha amalungu weSGB kuklasta B, kwisithili sesebe saseBuffalo City.
Lentlanganiso intsuku-mbini iqale ngomhla we-21 ukuya kumhla we-22 kweyeThupha kulo umiyo kwisikolo samabanga aphantsi iGonubie eMonti.
Unobangela walentlanganiso ibikukuqinisekisa ukuba akukho mkhethe kumalungu weSGB asandula ukwenyulwa.
UManejala wombutho iFEDSAS ephondweni uPierre De Villiers ugxininisile ukuba kunyanzelekile ukuba amalungu weSGB ukuba acacelwe okwekati ehlungwini ngomsebenzi ekulindeleke ukuba bawenze.
“Ukuba lamalungu ayasebenzisana ncakasa ngokwenene nekamva labantwana lizokuqhakaza,” utshilo uDe Villiers.
Oluqeqesho lukwaqweba amaqhinga okuqinisekisa ukuba lamalungu asandula ukwenyulwa awavinjwa ulwazi ukuze abengo mpondo-zihlanjiwe emsebenzini wabo.
Usekala sihlalo wombutho iSANASE ephondweni uPatrick Hlophe uthe, “singulombutho siyabavuyela abo bachongiweyo bangamalungu amatsha eSGB, kwaye lihle eliphulo lokubaqeqesha liqhutywa lisebe lezemfundo siyathemba ukuba izikhundla zabo bazokuziphatha kakuhle kwaye banga tenxi,” utshilo uHlophe.
Umlawuli kwicandelo lezolawulo lwesikolilo kwiphondo leMpuma Koloni uMelikhaya Mancoko, to ugxininisile ukuba icandelo lakhe lithe gqolo ukuqinisekisa ukuba ingaba izikolo zisebenza njani na, unobangela walentlanganiso kukuqinisekisa ukuba lamalungu weSGB asandula ukwenyulwa ayazi ukuba silisebe silindele ntoni kiwi.”
Ukuze isikolo siqhube kakuhle kufuneka sibenamalungu weSGB azijwila ujacu emsebenzini kwaye azimiseleyo, kwaye benze utshintsho ekuhlalaleni.
Nontando Mbonwa
21 EyeThupha 2024