IMINQWENO KA MABUYANE IYAFEZEKISEKA
EMONTI- Nanjengoko iNkulu-baphathiswa yephondo leMpuma Koloni uOscar Mabuyane eneminqweno yokuba amashishini asakhasayo ephondweni akwazi ukuthumela iimveliso zawo ngaphandle, kukhangeleka ingathi i-arhente encedisana norhulumente kwelicandelo ikhabela ezipalini.
URhulumente wephondo leMpuma Koloni ebesingathe ingqungquthela entsuku-mbini yesithandathu yokuthumela iimveliso zamashishini ephondo ngaphandle(EC Export Symposium).
Lengqungquthela ibisingathelwe kwiziko lengqungquthela zamazwe-ngamazwe eMonti, ngomhla we-21 ukuya kwi 22 kweyeThupha kulo umiyo.
Ngamakhulu-khulu wabantu kuquka namashishini ebebezimase lenkomfa, bezokuzivela ukuba iphondo ingaba maqhingani eliwaqwebayo ukuze kuphuhle uqoqoshe lephondo kwihlabathi jikelele.Umxholo walengqungquthela ubusithi; cinga iphondo leMpuma Koloni, xhamla amathuba.
Ukongeza lengqungquthela ibiququzelelwa yi-arhente ejamelene nokukhulisa amashishini eMpuma Koloni(ECDC).Kule ngqungquthela bekuxovulwa kwimiba ukuba ngawaphi na amaqhinga anokuvezwa ukuze iphondo leMpuma Koloni libesenkcochoyini ekurhwebeni kwihlabathi.
Usomaqhuzu waseECDC uAyanda Wakaba unqwalile ukuba ngokwenene lengqungquthela ibitshis’ibunzi kwaye ingulowo-nalowo ebezixhwithela.
“Ulwazi esilifunxe kulengqungquthela lingapha kokunqonda bekushukuxwa imiba efana nokuqweba amaqhinga okuvelisa umbane, uveliso lwezithuthi, ezokhenketho kunye neminye imiba enikisa ithemba kuqoqosho lephondo.
“Umbutho oncedisana namashishini kumasipala ombaxa waseBuffalo City kunye neziphaluka iBorder Kei Chamber of Business sele uqeqeshe amanina amabini kwicandelo lezokuthumela iimveliso ngaphandle.
Umlawuli weBorder Kei Chamber uLiezel Morris uthe, “Kuphando lethu sifumanise ukuba ngumyinge ongaphantsi kuka 20% amanina akhuphisanayo ekuthumeleni iimveliso kwihlabathi jikelele, yiyo lonto amanina siwenza isihlobo sethu sezinyo kwicandelo lokuthumelisa iimveliso ngaphandle.”
Ukongeza uMorris uthe, “Kumbutho wethu siyaqinisekisa ukuba sakha ubudlelwane obungagungqiyo.”
UManejala wamashishini asaphuhlayo kumzi-mveliso iCOEGA uAsanda Xawuka uthe, “Siyi Coega sithe masikhe size nathi apha kulengqungquthela kuba silwa ngamandla ekulweni uqoqosho lephondo, kwaye iintente zethu sizigxumeke eGqeberha.”
Ukongeza bonke abo bebeyinxalenye yale ngqungquthela yantsuku-mbini bagoduke befunxe olona lwazi lingummngaliso.
Lengqungquthela ibikwaqweba amaqhinga okuveza ukuba lingahluma njani iphondo kwezoqoqosho kwihlabathi jikelele.
Zintle Elam Tsita & Nontando Mbonwa
26 EyeThupha 2024