BADIKWE YEYOKOSA ABAHLALI BASE-MAKHANDA
MAKHANDA-Bebephume ngendlu abahlali baseMakhanda ngeliyonika umnqamla-juqu uSodolophu wala ndawo emveni kokuba zihamba ngonyawo lonwabu iinkonzo ezingundoqo kula ngingqi.
Iinkokheli eziphambili zombutho weUnemployed People’s Movement(UPM) kunye neMakana Citizens Front(MFC), bezikhokele inkitha yabahlali phambi kweholo yesixeko sedolophu ngalentseni yanamhlanje.
Abahlali balangingqi badikwe kukucotha kweenkonzo ezisisiseko nezingundoqo ekuquka kuzo; umba wamanzi, uqhawuko lombani, neemeko zengqesho.USodolophu waseMakana uYandiswa Vara noManejala waloMasipala uPhumelelo Kate bebejamelene nabahlali abebesisifu ngumsindo ngeliyokuthatha uluhlu lwezikhalazo zeengingqi ezingamashumi asixhenxe(70) nekuquka kuzo idolophu ekufutshane, ukukhankanya eyaseAlicedale nendawo yaseSeven Fountains.
Bayithethe ezinkonkqeni eyokuba bafuna ibenguSodophu ozakuthatha izikhalazo zabo kwaye naye bamnika nje iintsuku ezilishumi elinesine(14) kuphela.
UThandolwethu Vayo onguCeba kunye noKate bagxothwe okomshologu bona kusithiwa akhonto ifunwa kubo nanjengoko bengakhange babonakalise bunkokheli sukela mhla bangenayo kwizikhundla zabo.Abahlali bakwatyhola iinkokheli zaloMasipala ngorhwaphilizo kunye nokunganyaniseki.
USodolophu uVara uye watyikitya uxwebhu lwezikhalazo kwaye ethembisa ukuba uzakulugqithisa kwisigqeba esijongene nezikhalazo.
Sigqeba eso sizakuqale siphonononge emveni koko siqhube uphando malunga nezizikhalazo zibekwe phambi kwaso.
USodolophu lo uye wangxengxeza xa abahlali bemgxeka bemgxibha kabukhali ngokungabakhathaleli kwakhe.
Omnye weenkokheli zabahlali uthe, “Icace gca okweKati emhlophe ehlungwini ukuba lo uSodolophu akanayo nje tuu indlebe yokuphula-phula, kwaye ukuba uthe gqolo esenza lonto, izakuthetha ukuthi lo umbutho umbeke kula ndawo kwawona awunankathalo ngabantu”, utshilo.
Mzukisi Mangwane
27 EyeThupha 2024