Ulwaphulo-mthetho

UGWETYWE UBOMI ENKOLO-NKOLOZA KWEZIMNYAMA

MTHATHA-UBuntubenkosi Siqotyana(35) waphelelwa nya! bubuntu ngexesha egebenga isinqanda-mathe sakhe ngomhla wesibini kweyoMnga 2023 kwindawo yaseThembeni Village kwindawo yaseZandukwana cebukuhle nedolophu yaseLibode.

UNombeko Thobigunya(32) wagetyengwa ngokungenalusini yilenkcuba-buchopho, ingcaphephe nengcungela yombulali.Esisigebenga salixhela iqabane laso emveni koko sathatha intshiyekela yeenyama yalo sayifaka kwizindlu zangasese kwimizi ekufutshane.

NgoMvulo waleveki uPinky ongusisi kaThobigunya uye wanika ubungqina edakanca ekwachaza indlela eyabachaphazela ngayo belusapho into yokubulawa kukaNombeko ingakumbi abantwana bakhe abathathu.

UPinky ukwachazele le nkundla ukuba usisi wabo wangcwatywa engenayo ingalo yasekunene.

Unyana kaNombeko oneminyaka elishumi elinesihlanu wazibonela ngawakhe amehlo iinyama zikanina zikhutshwa kwimingxuma yezindlu zangasese, kwaye kubungqina obuthiwe thaca enkundleni kuyavakala ukuba abantwana aba zange bayifumana intuthuzelo yasengqondweni.

Obechophele elityala uBuyiswa Majiki, khange atyhileke nakancinci ebusweni ngexesha ewisa isigwebo sobomi kulenkobongela.

Inkundla ephakamileyo yaseMthatha imfumene enetyala lo kaSiqotyana kwiveki ephelileyo, uye wagwetywa ubomi eqamele ngenqindi kwezimnyama. Sele eqalile ukudontsa isigwebo sakhe.

Mzukisi Mangwane

28 EyeThupha 2024