UBUSENCOTSHENI UMSEBENZI WONONGQIZA
XHORHA-Bebexhelelw’ exhukwana bedlala ugqaphu ngeSoseji, bambi betyibilika ebhotolweni oNongqiza kumzi waseXhorha ngolusuku langomhla wama-29 kule yeThupha kulo umiyo.
Ibilusuku olukhulu kubantwana besikolo samabanga aphantsi i-Elliotdale Village SPS, abanongqiza abathe dlundlu nabenza ibanga lesixhenxe bebesenzelwa itheko lokuthi ndlela-ntle besenzelwa sesisikolo sikhankanywe ngasentla.
Ukutya bekudlal’ abantwana ingulowo ezigodle ngambini izitya, andithethi ngenyama, ibidlal’ abantwana.
Izithethi zigalele kophuka neyokuvika, phakathi kwendwalutho nezinxiba-mxhaka ebezizimase elitheko singakhankanya uMsasazi woMhlobo Wenene fm uSisa Maxakana uZulu kunye noMsasazi weUCR-fm uBro Fix Tutshana.
Bonke bathethe ngamxhelo-mnye nangazwi linye besithi, “Umthandazo nguwo kuphela onceda umntu omtsha ingakumbi kwimiceli-mngeni ulutsha oluhlangabezana nayo”, batshilo.
Ulutsha lwanamhlanje lujongene nomtshabalalisi iyobisi, izinga lokumitha eliphezulu, intswela-mbeko, ukuqaqadeka, ukuthanda utywala njalo-njalo.
Phakathi kwezitatanyiswa ebezikhona singakhankanya inqununu yesikolo samabanga aphezulu kunye ngabafundisi-ntsapho besikolo saseTech High kwalapho eXhorha.
Iqela lomxhentso Amankentshane, iBlack Boys kwakunye neqela i-All Stars, xa bebonke baye balibeka kwelona nqanaba liphezulu elitheko.
Ijelo losasazo loluntu i-Eastern Cape Daily News belilapho nalo, abayityanga bayosulele entloko inyama. Ngethemba nokholo, abantwana bafunde nto kokusuku kwaye lakuhlala lunkenteza ezingqondweni zabo.
Mzukisi Mangwane
30 EyeThupha 2024