Ezinye iindaba

ULANDULELE ELI LIMAGAD’ AHLABAYO UJESSICA MBANGENI

NQAMAKWE- Uyikhabile ibhekile uGqirha uBhishophu Jessica Mbangeni(47) oyinzalelwane yaseNqamakwe kwiphondo leMpuma Koloni nangona ubezinze eRhawutini.Usapho lukhuphe ingxelo ediza ukuba uwunabele uqaqaqa uJessica Mbangeni, le ngxelo idizwe lilungu losapho emveni kwemini namhlanje umhla wama-31 kweyeThupha 2024.

UJessica Mbangeni uzenzele udumo negama ngemibongo, umculo, nakwimidlalo yeqonga.Le ntokazi ubunokuyiqaphela ngesinxibo sayo esahlukileyo, ukuhlakanipha, ukungazijongeni phantsi ngengenina kwaye ubesixabisile isintu.

Wazalwa ngomhla wama-22 kwinyanga yeThupha ngonyaka ka1977, ezalelwa eNqamakwe kwiphondo leMpuma Koloni.Ngonyaka ka2013 waye wazibandakanya nemidlalo yeqonga ngengomnye wemisebenzi yakhe udlalile kuZabalaza, wavela nakumdlalo weSkeem Saam ngengondwendwe, wavela nakwinkqubo ethi ekasi(Our Storis) ngo2015, ku”The Coconuts”, wayokuqhina kuDube on 2.

Usapho lwakhe lucele uluntu jikelele ukuba lubanike imbeko ukuze lukwazi ukumzilela, bekwabulela nenkxaso engagungqiyo kubahlobo, abalandeli nakuluntu lonke jikelele.

Olusapho luthembisile ukuba kungentsuku zatywala bazakuziyikhupha ingxelo epheleleyo malunga namalungiselelo wenkonzo yesikhumbuzo, umngcwabo njalo-njalo.

Malunga neenkcukacha ezithe vetshe, ungatsalela umnxeba ilungu losapho kwezinombolo, Sibusiso Mbangeni(083-691 9899),Kungenjalo ukhangele uZilungelo Mbangeni(083- 466 6363).

Wanga umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo.

UThixo amkhanyisele ngokhanyiso olungacimiyo.

Mzukisi Mangwane

31 EyeThupha 2024