Ulwaphulo-mthetho

IDUTYULELWE ESIKOLWENI YABHUBHA INQUNUNU

KWABHACA-Kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo iNqununu yaseEfata kwisikolo sabantwana abangaboniyo nabangevayo yafumana isigrogriso ngesibhilivana esingene kumnxeba wayo kwiqonga lika”WhatsApp”.

Kwisiganeko sesibini eZakhele Primary School kuye kwadutyulwa iNqununu yesisikolo.

INqununu yaseEfata yona ifumene isibhilivana ebesinyanzelisa leNqununu ukuba irhume imali engange R50 000.

Esi sibhilivana sibhalwe kanje, “Principal waseEfata, ngokuzithoba okukhulu sikunika iveki ungekasiniki i-50 000 sizoza sizolanda ezaa Millions nihlala nazo apho”, siqhube sathi esisibhilivana, “sinibukela imihla yonke, uqale namhlanje ukubala kuleveki ndithetha ngayo okanye kuzakuchithela igazi labantwana”.

Inqontsonqa yokunyanzeliswa kwemali yokhuseleko(Protect Fee) iya inwenwela nakwiidolophu ezincinci.

Kwesi saKwaBhaca isiganeko, UMphathiswa weSebe lezeMfundo kwiphondo leMpuma Koloni ugqithise amazwi wovelwano kusapho lwaleNqununu nethe yabulawa ngoLwesithathu waleveki sisuka kuyo ngokuthi idutyulwe.

Lento yenzeke ngaphakathi kumtyanti wesikolo ngentsimbi yethoba kusasa.Amapolisa abiziwe kwindawo yexhwayelo kodwa ukuzothi ga ngoku akukabanjwa mntu.

Namagosa weSebe kwisithili kuquka noMphathi weSekethe baye bandwendwela esisikolo ngeliyokunikeza inkxaso.Abantwana baye bakhululwa ngoLwesithathu nangoLwesine.

Namhlanje isigqeba solawulo lwesikolo(SGB) sizakuhlala phantsi ngelikhangela umhlahla-ndlela wale mbunda-ndimunye, iSebe kwelinye icala lenza iinzame yokunikeza intuthuzelo yasengqondweni kwabo bachaphazelekileyo sesisiganeko.

Mzukisi Mangwane

02 EyoMsintsi 2024

Mzukisi Mangwane

02 EyoMsintsi 2024