ALITSHONI LINGENANDABA EMTHATHA WEST
MTHATHA- Iya ibambi nangakumbi imeko kwisikolo saseEfata kwidolophu yaseMthatha.Kwiveki epheleliyo inkundla kaMantyi yayikhaba ingqawule yokukhululwa kwabarhanelwa abahlanu aboyanyaniswa nozenge-zenge kwentlawuyulo yokhuselekelo(Protection Fee) ngolwimi lwamadla-gusha.
Ochophele elityala kwinkundla yaseMthatha uSibongile Mqhathu wathi, “Ayingeke kube wenza ubulungisa xa ekhulula ongumfazi wenkosi yala ndawo uNomlandelo Pamla(44), umyeni wakhe uNkosiphendule Mseswa(54), Sithembiso Mbube(46), Bongile Mnyanda(44) kunye noKani Boyse(67)”.
Izolo bakhutshwe buphuthu-phuthu abantwana kwisokolo sabantwana abaphila nenkubazeko yokungeva kwakunye nokungaboniyo eEfata, emveni koko kwantunyekwa iTrekta kwesasikolo yatsha yangqongqa.
Ezingenayo ngalomzuzu zezokudutyulwa kubulawe inkosi yaseMthatha West uDulunzolo Mareke obengundaba-mlonyeni kwiintsuku ezimbalwa ezigqithileyo nalapho bekukho ukugrwangxulana ngamandla phakathi kwakhe neKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo.
Amapolisa waseMthatha akugqinile ukubhubha kwalenkokheli namhlanje, nkokheli leyo ebisoyanyaniswa kakhulu nezigigaba ezinuka ukutsha zomcimbi wentlawulo yokhuseleko, iProtection Fee etshotsh’ entla kwidolophu yaseMthatha neziphaluka.
Mzukisi Mangwane
04 EyoMsintsi 2024