Iindaba

LIBUYILE KWAKHONA ILIFA LO MBHASHE

DUTYWA- UMasipala wasekuhlaleni waseMbhashe ukulindele kwakhona ukusingatha inyanga yezithethe namagugu ngekhalenda etyebileyo yemisitho kulomasipala.

Imisitho elindekileyo kuquka; King Hintsa Hike and Fun Run ngomhla we 18 kweyoMsintsi, Battle of Lurhwayizo ngomhla we-19 kweyoMsintsi, Inkciyo kaXhosa in Nqadu ngomhla we-19 ukuya ngomhla we-21 kweyoMsintsi kunye neKing Hintsa Memorial Lecture ngomhla we-23 kweyoMsintsi ukukhankanya imisitho embalwa.

Oku kutyekezwe nguSodolophu womasipala wasekuhlaleni waseMbhashe uCeba Samkelo Janda, ngomhla wesibini kule imiyo ngexesha ethetha nonondaba kwindlu yebhunga lomasipala eDutywa.

Kulenyanga yezithethe namagugu lomasipala uqweba amaqhinga okuveza ubutyebi balengingqi benckcubeko kunye nezithethe.

USodolophu walomasipala uCeba uJanda ugxininisile ukuba bengumasipala badibanise iintloko kunye namanye amaqumrhu ukuze baphucule uqoqosho lomasipala kwaye bakhulise ukhenketho kulommandla.

Ukongeza umbhiyozo Ilifa loMbhashe uthembisa ukuphucula ezokhenketho kunye nezithethe, ukuloba abatyali-zimali, ukuxhasa amashishini asakhasayo kunye nokubhiyozela usuku lwezithethe kunye namagugu.

Kulindeleke ukuba imibhiyozo yosuku lwezithethe kunye namagugu yomasipala waseMbhashe isingathelwe eNqadu Great place, kuGatyane ngomhla we-24 kweyoMsintsi 2024.

Nontando Mbonwa

04 EyoMsintsi 2024