KURHANELEKA UKUBA UMTSHISE NGE ‘ACID’
QUMRHA- Izolo bekuthe tshitshilili kumakhasi wezonxibelelwano into ethi uSodolophu woMasipala wasekuhlaleni i-Great Kei utshise umntu nge’Acid’.Ingakumbi kwiqonga labahlali lika’Facebook’, elithi “Komga Residents”, bekushukuxwa lo mba ngamandla.
Kodwa uMasipala uye wazikhaba ezingxelo esithi kubhidene nje iikomotyi, ayingoSodolophu lo utyholwa ngesisenzo, koko nguceba wakwaWadi 7 uZola Tshali.
Ingxelo ihambisa ithi, izolo umhla wesihlanu kweyoMsintsi kulo umiyo kumhlaba waseDraaibosch bekuviyiswana noceba walandawo onguZola Tshali xa ebebhiyozela umhla wakhe wokuzalwa.
Akuvakali ukuba ingxabano yakhe noZipho Buso iqale njani, kodwa kubonwe ngalo ceba egalela uZipho Buso ngento engamanzi nekurhaneleka ukuba yi-‘Acid’.
UZipho Buso naye ukwangumsebenzi wakwaMasipala waseGreat Kei.
UMasipala uyazivuma ezingxelo, kwaye eyicacisa into ethi akungoSodolophu lona koko nguceba, kwaye uthembisile uMasipala ukuba uzakuncedisana namapolisa ukuze aqhube umsebenzi wawo, ukuze lowo unetyala ajamelane nengalo yomthetho.
Mzukisi Mangwane
06 EyoMsintsi 2024