INTWAZANA YASE NGQELENI IZENZELA IGAMA KWICANDELO LOKUFOTA
NGQELENI- UYanga Nothanga waseNgqeleni othweswe isidanga kuLawulo loBudlelwane boLuntu (PRM) kwiDyunivesithi iWalter Sisulu(WSU), ufumene impumelelo encomekayo kwiinyanga nje ezintandathu elandela ikhondo lokufota, efumana imvume yemidiya kwisizini ezayo yeleague yebhola ekhatywayo ka-betway(PSL) ka-2024/25.
Imidlalo efana nebhola yomnyazi, ibhola ekhatywayo kunye nombhoxo lemidlalo sisihlobo sezinyo kuNothanga.
UYanga uqale ukuthanda kakhulu ukufota ngenyanga kaTshazimpuzi kulo umiyo.Lona kaNothanga uzivulele inkampani yakhe yokufota i-Maya Images, wayithiya ngegama lesiteketiso awasinikwa ngumakhulu wakhe ongasekhoyo.
“Uthando lwam lokufota luqale ukumila kulonyaka, nangona uthando lwam lwezemidlalo kudala lukho kwaye bendisoloko ndikonwabela ukuya kwimidlalo eyahlukeneyo,”utshilo uNothanga.
Ukongeza uNothanga uye wajongana nemiceli-mngeni yokufaka isicelo, efaka iisampulu zomsebenzi wakhe kwaye kwajongwa nemvelaphi yakhe kwicandelo lezemidiya.
Ngaphandle kokuphumelela kwakhe uNothanga ujongene nemiceli mngeni, ngakumbi ekufumaneni inkxaso yemali ukuze afumane izixhobo zokufota ezikumgangatho ophezulu.
“Kunzima ukufumana inkxaso-mali karhulumente, nabatyali-mali babucala banqabile eMzantsi Afrika,” ucacise watsho.
Ukongeza nangona kunjalo lona kaNothanga ufumene uncedo olukhulu kubahlobo kunye neengcali kwishishini ezibolekisa ngezixhobo zazo.
Ukuzinikela kukaNothanga kwimidlalo esezantsi kuphuma ekuqondeni kwakhe imicelimngeni ejongene noluntu ekufumaneni iindaba kumajelo eendaba.
“Ndijonge ukubamba kwaye ndibhiyozele amandla abo bakwinqanaba elisezantsi kunye nabadlali abaqeqeshiweyo, ndisenza amabali abo aphile ngoxhaka wekhamera yam,”utshilo.
Egxininisa ukubaluleka kokuqaqambisa umdla kunye nokuzinikela kweembaleki ezisezantsi, ezihlala zingahoywa kumajelo eendaba aqhelekileyo.
Imfundo yakhe eWSU ngakumbi izifundo zoshicilelo(videology), imxhobise ngezakhono ezibalulekileyo zobugcisa, ukusuka ekusebenzeni kweekhamera ukuya kwezobuchule bokuhlela.
UNothanga ukhuthaza abo bathanda ukufota ukuba bahlale bezinikele, echaza ukuba ukufota kufuna iiyure ezinde kwaye kuhlala kubandakanya ukuhamba kwiimeko ezinzima, ngakumbi xa bejonga ukhuphiswano olusezantsi.
Ngetalente yakhe nonyamezelo, uYanga Nothanga ukulungele ukwenza impembelelo ebalulekileyo kwishishini lokufota kwaye akhanyise kwihlabathi elidlamkileyo lezemidlalo.
Zintle Elam Tsita
11 EyoMsintsi 2024