UCACISWA MAHASHE UQHAKAZISA IGAMA LAKHE KWEZOLIMO
XHORHA- UCaciswa Mahashe noyinzalelwane yaseXhorha owayesakuba ngumfundi kwezenjineli kwikholeji iKing Sabata Dalidyebo, ulwamkele uthando lwakhe lwezolimo, eguqula enye yehktare eyenza ifama yakhe eyaziwa ngokuba yi’Riri farm’.
Ekhuthazwa ngu tata wakhe uSivuyo Mahashe, owamfundisa ubugcisa bokutyala waze wagqiba kwelokuba athathe amanyathelo ezolimo emveni kokuba wayesebenza kwivenkile yakwa Spar kwaye waluqonda uthando lwakhe olunzulu ngomhlaba.
Ngenyanga yeDwarha 2023, waqalisa ukutyala ikhaphetshu, ekhulisa izityalo zakhe ngokukhawuleza kwaye ethengisela iivenkile zasekuhlaleni kunye nezikolo.
“Ifama yam ayiboneleli nje ngokutya okutsha, okunempilo kwindawo endihlala kuyo kodwa ikwamele iphupha eliphunyezwe ngokuzinikela ngokupheleleyo,”utshilo.
Nangona ejongene nemingeni efana nezixhobo zokulima ezingonelanga kunye nokungahambi kakuhle kwamanzi, uMahashe usazimisele.
Ukongeza utata wakhe usaqhubeka nokudlala indima ebalulekileyo kuhambo lwakhe, enika iingcebiso kunye nenkuthazo. “Izifundo zakhe zokunyamezela zindigqithise kwimingeni emininzi yokufama,” utshilo.
Ukujonga kwikamva, uMahashe uceba ukwandisa kakhulu iFama iRiri kule minyaka mihlanu izayo ngokufumana iziza ezongezelelweyo kunye nokutyala imali kwizixhobo ezibalulekileyo.
Ujongise ekutshintsheni izityalo zakhe kunye nokwazisa iindlela zokulima eziphilayo, ukufaka isandla kwinkqubo yokutya enempilo nezinzileyo kwindawo yakhe yasekuhlaleni.
Zintle Elam Tsita
12 EyoMsintsi 2024