BAZAKUNQANDWA ZIINKWENKWEZI ABA
NGQELENI- Xa uphithizela kwizitalato zeqonga likaTikTok awunakuphuma ungawabonanga amawawele wakwaSimayile.
U-Alunamda(6)) noLundanele(6) ngamawele adume kakhulu kwaye bayazithandela kwityhosha engamaphepha neqhosha elingentunja.
Maxa wambi bade bayiculele xa ethe wabanika unina.U-Alunamda kunye noLundanele ngamawele kaNangamso Simayile, bazalwa kwidolophu yaseNgqeleni, bafunda eSt Patricks Primary School eMthatha.
Esi sibini yintandane kwabaninzi kwaye bathe tshitshilili kuwo onke lamakhasi wezonxibelelwano kodwa baqaqambe ngakumbi kwikhasi likaTikTok.
Enye yeeVidiyo zabo ethe yatsala uluntu kulamaqonga wezonxibelelwano, kulapho umama wabo ubegqiba kubanika imali engangeponti ezintlanu(R10), baye bacula ingoma ekwaligwijo kaVee Sholo ethi, “Abantu bam”, lo ngoma yayingu ‘Enkosi’ wabo kumama wabo.
Sincokole nonina walawamele uNangamso Simayile, nalapho besifuna ukuqonda ukuba uziva njani ngezintyantyambo zakhe, uphendule wathi.
“Esisibini sindifuzile kakhulu ngokundweba, ndiyathandaza ukuba uThixo abagcine kuba xa ndibabona ndiqaphela into yokuba sikhona isiphiwo uThixo asinike bona.
Uqhube wathi, “Kwelinye icala ndinexhala kuba basebancinci kwaye kukhohlakelwe kulamaqonga, xa benophuncuka apha kum ndingazisola kakhulu kwaye ndingangakwazi ukubakhusela,” utshilo.
Umama wabo xa ebajongile ubona iintyantyambo ezinesiphiwo sokucula, kwaye unalo ithemba lokuba bazakulifezekisa eliphupha nanjengoko nabo bangalichasanga.
Mzukisi Mangwane
13 EyoMsintsi 2024